Usibambe apho sincinci khona isidlwengu
21 May 2023 – Monwabisi Khininda
ECofimvaba
Inenekazi laseNcora kwidolophu yaseCofimvaba kwiphondo leMpuma Kapa, lizisindise ngokuthi indoda ebizama ukulidlwengula liyixhakamfule ngobudoda, yasothula esofelweyo,emveni kokuphuncuka kwayo apho yababeleka abasicatyana ingasafuni naleyo ibiyinyanzelisa na kakade. USiphokazi Mabhadi (26), uthe le ndoda ayaziyo ekuhlaleni, yathi yakhaba ucango lwendlu alala kuyo lophuka, ze yangena ngesinyokotho kowabo kwinyanga ephelileyo, yamohlutha kunina nakumntana wakhe. Emveni koko yamtsalela ezindongeni ekuzeni kusa, yafika yamnyanzelisa ukuba akhulule.Kungelo xesha ke wazixelela ukuba akanikezeli, koko uzakulwa phambi kokuba kwenzeke nantoni na.
Ebalisela eli phephandaba uSiphokazi,uthe emaxesheni zazisondele phaya kwintsimbi yesibini xa kuzosa, ngelixa besiva umntu ekhaba ucango,wambonzeleka ngaphakathi, wafuna imali kumamakhe,yathi yakungabikho, le ndoda yanyanzelisa ukuba makakhulule, wangavumi yazizela imbamba kuba izomkhulula, kodwa wayityhala babambana phezulu bejijisana. “Ndifumene ithuba ndamtsala amaphambili wakhala ndakwazi ukubaleka,ndibaleka ndimbonile ukuba ngubani waphi,” ucacise ngelo.
UNosipho uthi into eke yangamphathi kakuhle kukurhuqa iinyawo kwabakwantsasana ekubanjweni kwale ndoda nangona wabaxelela mhla wayeyekuvula ityala ukuba umntu ebezama ukumdlwengula uyamazi. Oku kukhokhelele ekubeni lo kaMabhadi abhalele kumakhasi ezonxibelelwano nakwabeendaba ukuba bangenelele ukuze kubanjwe umtyholwa. Le nto yokungabanjwa kwale ndedeba, uthe ibimenza angalali nasebusuku ahlale ephakuphaku, esothukelana. “Bekuthi nokuba kuhamba intaka phezu kwendlu ndothuke,ndisothuswa nditsho nakukushukuma komntwana wam lo ndilala naye,” ubalisa atsho uNosipho.
Ngelingeni ke umsolwa ude wabanjwa nekungoku nje unkolonkoloza kwezimnyama izisele nekulindeleke ukuba aphinde avele kwakhona kwinkundla kaMantyi yaseCofimvaba kwalapha enyangeni eyokwenza isicelo sebheyile. “Ngoku ndikhululekile xa ephakathi kuba besendiphila ubomi bentshontsho kuba lo mntu ulapha elalini yaye andazi nokuba ebengabuya na azogqibezela oko ebekuqalile. Uthe uyathemba ukuba umthetho uza kudlala indima yawo angaphindeli kubomi bentshontsho abekuphila engekabanjwa lo utyholwayo.
