Intlekele yase Monti ayikalibaleki
29 EyeThupha (Aug) 2024 – 11 EyoMsintsi (Sept) 2024
Yonela Mpaka
Icandelo lakwa Liqueur board belityelele kumasipala iDr AB Xuma lizokuxhobisa abafundi ngengozi zokusebenzisa utywala. Izikolo zase Ngcobk zikuvuyele oku kuba abantwana abaninzi bazibhaqa bengamaxhoba eziyobisi ngenxa yemeko abasuka kumakhaya wabo. Amanye amasebe angenelele ukuncedisana nelicandelo.Isithwakumbe esathi sothusa wonke umntu sase Nyobeni eMonti sesona sisamana ukukhumbuza ngobungozi botywala.
Ongumfundi kwisikolo samabanga aphakamileyo Phakamani u Ongezwa Mda uthi liphulo elihle eli bona bengabafundi bafundile ngokubaluleka kokuzigcina ungumfundi ongaseliyo, “Ingxaki ezibangela sizifake etywaleni singabafundi zingxaki esihlangana nazo nokukhula ngaphandle kwabazali udinge ezozinto zithile de uzibone sele uyeka isikolo ubhenela etywaleni, siyacela nokuncediswa singabafundi zininzi ingxaki esihlangananazo,” utshilo uMda nongumfundi.
Umasipala ungenelele exhobisa abafundi ngobungozi beziyobisi.Usodolophu womasipala uCllr Siyabulela Zangqa uthethe nabafundi bezikolo ezahlukeneyo esithi imfundo phambili kuzozonke izinto abazenzayo kodwa bafunde bazokuphucula amakhaya wabo baphume tu kwiziyobisi kuba azisi ndawo mntu. Abakwa Liquerboard bathe gqolo ukuhambela izikolo beqhuba iphulo lokuthi hay kwiziyobisi ebantwaneni besikolo.


