Kuwongwe onke amagqala ezemidlalo
Ngu Anele Raziya
Ibiyimincili nemivuyo eMnquma ngalempeveka sisuka kuyo emva kokuba kuye kwawongwa onke amagqala ezemidlalo adlale indima ebalulekileyo ukubeka igama laseMnquma kwimephu yehlabathi.
NgoLwehlanu, amagqala ezemidlalo kunye nabo babeganelelo kwezemidlalo ngendlela ezahlukeneyo bebekwetyiwe ngumbutho wezemidlalo, iMnquma Sport council nalapho bebewongwa ngendima yabo abayidlalileyo kuphuhliso lwezemidlalo ukuqala eMnquma uyokutsho kwihlabathi jikelele.
Umsitho wala mawonga ububanjelwe kwiholo yedolophu yaseGcuwa ngorhatya ngolwesihlanu.
UMphathiswa wezeMidlalo ephondweni, uSibulele Ngongo, uMphathiswa kwezeMfundo, uFundile Gade, uMhlekazi, uSturu Pasiya owaziwa kakhulu ebholeni kwiqela uMtata Bush Bucks, owayesakuba ngumdlali weKaizer Chiefs, uSiphiwe Tshabalala, amalungu womasipala waseMnquma, amagqala wezemidlalo eMnquma kunye noLux September osebenza kumbutho webhola iCAF bonke bebeyinxalenye yalo msitho ubuququzelelwe yiMnquma Sport Council ekhokelwa nguBanzi “Bro Ace” Siyongwana.
Injongo eziphambili zalo msitho ibikuwonga wonke umntu waseMnquma odlale indima ebonakalayo ngexesha wayengumdlali, esebenze njengo mphathi kwezemidlalo (administrator) kwaye nabo banegalelo emidlalweni ngendlela ezahlukeneyo.
Ongumqeqeshi weYunivesithi, iNorth West University kwibhola ekhatywayo, uNkululeko “Nkush” Malgas uye waba ngomnye wabantu abawongiweyo ngenxa yemisebenzi yakhe kwibhola ekhatywayo njengo mqeqeshi ozibalulileyo kumsebenzi wakhe.
“Iwonga endilinikiweyo ngumbutho iMnquma Sport Council ndicinga ukuba ingathi likhule ukodlula amanye amawonga endikhe ndawafumana ngaphambili kwaye lithetha lukhulu kakhulu kum kuba ndilifumene ekhaya,” kutsho uMalgas encokola neliphephandaba emva kokuwongwa kwakhe.
UNkush uthe iwonga alifumeneyo umngangatho walo uxhome kakhulu njengoko kwiminyaka edlulileyo belinikwa abantu abahloniphayo kwibhola ekhatywayo eMnquma kwaye nabadlale indima ebalulekileyo nakwikamva lakhe ekumkhuliseni.
Uthe yilonto esiva kamandi kangaka njengokuba ewongiwe kuba nelakhe igama libalwa phakathi kwamagqala ahlonitshwayo eMnquma nasele ehlala phantsi ebholeni wambi alanduleli eli kodwa imisebenzi yawo ihlala ibonakala.
Uye wanikwa ibhatyi kunye nesatifeketi ukubulela igalelo lakhe kwezemidlalo nokuphakamisa igama laseMnquma nakwihlabathi.
Kwezinye zembali awazenzayo kwibhola ekhatywayo uMalgas wayeyinxalenye yeqela iTS Galaxy eyabetha iKaizer Chiefs kumdlalo wamagqibela kankqoyi weNedbank Cup owawubanjele eDurban.
Apho wayesebenzela iTS Galaxy njengo mhlalutyi wevidiyo (video analyst), lo mpumelelo yamenzela igama ebholeni kuba emva koko watsho wazimanya neqela iAmaTuks njengo sekela mqeqeshi isizini ezintathu.
Usuke apho warhwetywa yiNorth West University yamnika isihlalo sokuba ngumqeqeshi oyintloko uqala kwisizini ephelileyo.
Njengokuba esebholeni ungumqeqeshi owufundeleyo lomsebenzi njengoko enelayisenisi yokuqeqesha kwaye usendleleni ezakwenza ilayisenisi enguCAF A kwezintsuku zizayo.
Uqeqesha ebholeni waqala ngo2002 kwiyunivesithi iEastern Cape Technikon wabuya 2005-2006 wazibalula nangakumbi ngexesha engumqeqeshi kwiButterworth All Stars apho waphumelela inqwaba yendebe. Ukhe wasebenza nakwi Blackburn Rovers nakumaqela weABC Motsepe league.
Abanye boogxa bakhe abaye bawongwa ibenguAkhona Makalima ongusompempe, uWanda Mtwa noLuxolo Matikinca ababesakuba ngabadlali kwi Blackburn Rovers.
Abekhona namanye amagqali angaphaya kweshumi awongiweyo ngale mini ibinkulu kwaye uMphathiswa wezeMidlalo uSibulele Ngongo uwincomile umsebenzi owenziwe yiMnquma Sport Council wavuyisana kunye nabo bawongiweyo.


