AgricultureLocalNews

Ayancediswa amafama avelisa uboya 

29 EyeThupha (Aug) 2024 – 11 EyoMsintsi (Sept) 2024

Yonela Mpaka

Amafama omasipala i-Dr AB Xuma athe axhotyiswa  banzi ngendlela zokugcina uboya busemgangathweni. Oku kuqhube emva kokuba umasipala lona ethe gqolo ukunikeza lamafama igusha zoboya. Uphuhliso ngoboya kokona kubekwa phambili ngamafama. Izigidi zerandi ziyafunyanwa ngamafama ase Ngcobo afuye igusha zoboya. Amafama ase Ngcobo akhuthazwa mihlale ukuba ayeke ukuphisa ngoboya kwimoto ezihamba zizula abuse ngqo kwindawo yoboya.

Ongumfama onegusha ezivelisa uboya utata uThandile Mgwala uthi kuyabancedisa kakhulu ukumane beboniswa ngendlela zokwenza uboya kuba bona yeyona golide yabo ezilalini kuba imisebenzi inqabile, uthi bayakhuthaza umasipala namasebe ajongene noko asoloko ebanika  imfundiso kuba ziyabanceda, uthi banazo  ishedi zokuchebela igusha iseb  kakhulu  lonto ibenza  bazibone bebheka  phambili.Abafuyi begusha zoboya banawo nombutho abathi bawuseka ukuqinisekisa ukuba wonke umfama wegusha yoboya uyaxhamla ngcono.

Osisabhokwe kumasipala iDr AB Xuma umama uNobuntu Mgidi ukhuthaze onke amafama ukuba abeyinxalenye yoqeqesho olumane lusenziwa ukuze bakwazi ukubheka phambili. “Sikhuathaza  nabantu abangomama ukuba bangene kwizinto zobufama ukuze bazoyeka  ukuxhomekeka kwabanye abantu ingakumbi kotata, sithi komama nabo bangazibona benefama bexhaswa ngurhulumente, sicela  nabo bathe gqolo ukuthatha imfuyo yabantu bakuyeke oku kuba imisebenzi ayikho abantu abadala sele bephila kukufuya “ utshilo umama uMgidi.Minyaka le igusha zoboya ziyakhutshwa ngumasipala ukunyusa noqoqosho lwedolophu le.