Crime & SafetyNews

Uluntu luyawancoma amapolisa aKwazulu Natal

29 EyeThupha (Aug) 2024 – 11 EyoMsintsi (Sept) 2024

Intatheli kaDizindaba

Kubonakala abantu beli nabasele bebonakala bediniwe zizenzo ezandayo zobugewu kweli lizwe bewuncoma umsebenzi owenziwe ngamapolisa akwa Zulu Natal ngethuba esilwa nobugewu. Kuvakala okokuba la mapolisa nabonakalise ezimisele ukukhusela abemi beli lizwe abonise ubugqwabalala obukhulu ngethuba ejongene nabaphuli mthetho nezigwinta ezidlangileyo kweli lo Mzantsi Afrika.  Kuvakala okokuba yinkitha yabophuli mthetho kweli phondo ethe yadatyulwa yafa ngamapolisa ngethuba le migewu ekuthiwa ihlupha uluntu iye yadubula kuqala emapoliseni.

Abasemfuthweni wolwazi bathe ziye zezininzi izigxelo eziphuma kwabanye babemi beli lizwe natakhala ngokuba la mapolisa asebenzisa iindlela ezingqwabalala kokhulu nezingahambisaniyo noRhulumente.  Kuthiwa aba bagxeki bale ndlela enza ngayo la mapolisa bathi ayihambisani nemithetho ekhuthaza ukuhlonitshwa kwamalungelo abantu apha eMzantsi Afrika.  Aba basemfuthweni wolwazi bathi kodwa yena uMphathiswa wamapolisa uSezo Mchunu uthe abezopolitiko mabahlukane nokugxeka amapolisa logama yena Umkomishinala wamapolisa, umnumzana Ntlantla Mkwanazi ewancoma amapolisa ephondo lakhe esithi enze oko kufanelekileyo kufuneka ezikhusela kuhlaselo lwezegila mikhuba.

Ukanti kuvakala okokuba naphaya eKapa kuvakale enconywa amapolisa ngosembenzi wokuzimisela ukwenza umsebenzi wawo nalapho kuvakala okokuba aye azikhusela kwimigewu ebiwahlasela aze abulala isibhozo sale migeni phaya eKhayelitsha eTown Two.  Nalapho eKhayelitsha kuthiwa abahlali bayawancoma amapolisa ngokulwa nobugewu ngeyona ndlela eyiyo.  Aba bahlali bathi masibuyiswe ngoku isigwebo sentambo kwakubakho ubungqina.

Kungokunje kuvakala lusiya likhala inani labantu abawancomayo amapolisa ngalendlela ayilandelayo ngoku nalapho kusithiwa amapolisa awakho ngqwabalala nakubani na, koko kwabo bangawuthobeliyo.  Ukanti yena ubawo uTembelani Sgenu wase Ngangelizwe eMthatha, “Mna andonqeni ukulibiza elam igama kuba lamapolisa sekubonakala engahlonitshwa ngabanqevu kuba kusithi banamalungelo.  Mna ndiseli polisa phaya eKapa sasingalawulwa ngoo nqevu kuba sasisebenzisa u “Skiet skop en D” yaye isoyikwa ne van yethu ababeyibiza ngo “yellow mellow”. Kodwa kwathi ukungena kwalo Rhulumente we ANC adelelwa kakhulu amapolisa ethi.

Ukanti kwelinye icala umama wase Guguletu eSection 2 nawalileyo negamalakhe uthe: “Thina singamanina siyayikhothaza le Ndlela amapolisa akwa Zulu Natal nalapho eKapa asebenza ngayo kutsha nje.  Le yeyona Ndlela thina sakhula siyazi leyo iyindlela yokuba ayahlonitshwa amapolisa kwaye sisihamba sikhulelekile nasebusuka. Ngelo xesha nekwakusithiwa yayilelengcinezelo kungona mna ndiphikisanayo nalo Rhulumente ukhoyo nekuthiwa ngowe Nkululeko kuba kungona ngoku silambayo asikhululekanga ukuhamb ngoratyo. Ngexesha lo Rhulumente wangaphambili sasihamba oo….. Guguletu ebusuka de kubethe oo 12 sonwabile.  Wawokwazi ukukhutshwa ngumntu wakho niye koo Kismet ebioscope eAthlone nibuye nange nyawo ukudlula ooRylands noo Welcome nidlula dlulwa ngamapolisa awayisenzi i “Patrole” ngee nyawo. Kodwa ngoku kunzima nokuya phaya kwii venkile ozazisaziwa zoo Gasela eNY 6 yaye nditsho mna narogoo 8 pm ngoratya ngoku soze uye kwezo ndawo,utshilo lo mama ebonakala ebuhlungu.