Akasekho uGqirha Mbangeni
12 EyoMsintsi (Sept) 2024 – 25 EyoMsintsi (Sept) 2024
Monwabisi Khininda
Inabele uqaqaqa imbongi yesizwe uGqirha Bishop Jessica Mbangeni. Kwiveki ephelileyo imbongikazi eyinzalelwana yaseNgqamakhe,uJessica Mbangeni uphume kwaGqirha enemincili ngengxelo ethi ukwisimo esihlo sempilo kwaye ukwazile ukwehla ngo-20.8kg kwiinyanga nje ezine nto embeke kwi-118 kg esikalini.
Kuthe kanti oluvuyo lwakunqulunywa kukufa kuba khange litshone elalomini esaphefumla. “Kubuhlungu ukunazisa silusapho lukaGqirha Bishop Jessica Mbangeni ngokutshona kwakhe. Umama wethu,usisi wethu,imbongi yomthonyama, inkokheli ebikwanguye nonozakuzaku wenkcubeko yethu akasekho.” Kubhale kwatsho usapho lakwaMbangeni kumakhasi onxobelelwano.
Balile ukunaba ngonobangela bekwacele ukuba usapho lunikwe ithuba lokuzila. Iinkcukacha ezithe vetshe ngomhla wokugxwala emswaneni kwanosuku lwesifihlo zizinto ezakubhengezwa lusapho kungentsuku zatywala.Kuleveki ephelileyo ngoLwesine umhla wama-22 eyeThupha ebebhiyozela iminyaka engama 47 esidla amazimba. NgoLwesihlanu bekubanjwe inkonzo yesikhumbuzo eCenturion eGoli. UGqirha Mbangeni uzakubekwa kwikhaya lakhe eNgqamakhwe ngomhla we-14 Sept.


