Arts & CultureNews

‘UNkosi Mareke’ ubhubhe kudubulwano namapolisa

12 EyoMsintsi (Sept) 2024 – 25 EyoMsintsi (Sept) 2024

Monwabisi Khininda

UDalinzolo Mareke obeyinkosi yaseMthatha West uphakathi kwesithathu esibulewe ngamapolisa aseMthatha kwiveki esiyishiyileyo. UMkomishinala wamapolisa kwisithili sase-O.R Tambo uMajor General Phumzile Cetyana ungqinile ukuba “INkosi eyonyulwe ngabahlali” eMthatha West idutyulwe yabhubha.

Le Nkosi ibityholwa njengongqondongqondo ekuphangweni kwabahlali benyanzeliswa ukuba  bahlawule imali yeprotection fee. UMareke ebetyhola ngokuba uyinkosi eyonyulwa ngabahlali kwaye iNkosi aphantsi kwayo iseMpeko yena akazani noKumkani Zwelibanzi Dalindyebo. UKumkani Zwelibanzi Dalindyebo wathi iNkosi iyazalwa akahambisani nabantu abahamba bezibiza iiNkosi bengezizo.

USakhumzi Dalinzolo Mareke udutyulwe lwangcol’ungele ekunye nabanye abarhanelwa ababini kufuphi naseMandela, eMthatha West ngoLwesithathu. Ngokutsho kwamapolisa la madoda ebexhobile alandele izithuthi zamapolisa aya kwindawo ebizwa iEmbassy. Kudizwa ukuba abuze amapolisa alwa nomkhuba weprotection fee iNational Interbention Unit (NIU) kutheni bethe gqolo ukugqogqa izithuthi zabo.

UMajor General Cetyana uthi kuqhambuke ukunukiselana ngamakhwapha. Baqale badubula emapoliseni kwalimala ipolisa,zanqoza badutyulwa babhubha ngoko nangoko. Kwiveki ezintathu ezidlulileyo iKumkani yabaThembu uZwelibanzi Dalindyebo ubetyelele iMandela Park apho wagxeka ehewula abantu abanyanzelisa ukukhutshwa kweprotection fee waqangaza uDalinzolo Mareke ngalomkhuba. Kwintsuku ezimbalwa emva koko uDalinzolo Mareke wabiza eyakhe intlanganiso ebaleni apho wathi ukulwa izityholo zikaZwelibanzi enkundleni yamatyala. Ethetha nabahlali uMareke walibeka latsola elithi uzophatha kude kubuye uYesu. Waqhuba wathi akukho mntu uzophatha eMthatha West engazange alwele lo mhlaba.

Ukanti iNkulumbuso yephondo uOscar Mabuyane ethetha namapolisa e.O.R Tambo kwinyanga ephelileyo uthe: “Andinakuze ndibe ndixoxa unobenani wamapolisa akhonjwa ngezibham. Ukuba amapolisa aya koonqevu ayombuza,asuke afake isandla epokothweni, makasebenze ngaye nokuba ubezokhupha imela.”