Kubanjwe obezama ukubulala ipolisa
12 EyoMsintsi (Sept) 2024 – 25 EyoMsintsi (Sept) 2024
Monwabisi Khininda
UMkomishinala wamapolisa ephondweni leMpuma Kapa uNjengele Nomthetheli Mene ulugxeke kabukhali uhlaselo lwakutsha nje lwepolisa eMandela Park eMthatha, ngentseni yangoMgqibelo. Ngokwengxelo ipolisa elikwiminyaka engama-42 ubudala elisebenza kwicandelo leNational Intervention Unit belisendleleni eya emsebenzini liqhuba isithuthi salo ngethuba indoda eyaziwayo iye yaqalisa ukudubula ijongise ngasepoliseni. Eli polisa liye lamisa isithuthi salo laze laphindisa ngembumbulu, umrhanelwa uye wabaleka ngeenyawo.
Amapolisa aphendule ngokukhawuleza kwaye kuphando kamva abambe umrhanelwa oneminyaka engama-45 ubudala.Ipolisa alifumanga nomzakalo loo gama umrhanelwa efumene umonzakalo kwaye usiwe esibhedlele ukuze afumane unyango. Iimeko ezingqonge esi siganeko ziyinxalenye yophando.Umrhanelwa uzakuvela kwinkundla kaMantyi eMthatha kungekudala, ezakujamelana netyala lokuzama ukubulala.
