Crime & SafetyLocalNews

Inqununu ibanjelwe ukweba utywala 

26 EyoMsintsi (Sept) 2024 – 09 EyeDwarha (Oct) 2024

Monwabisi Khininda

UMkomishala wamapolisa wephondo uLietenant General Nomthetheli Mene uthumele umyalezo oqatha kuluntu ukuba lohlukane nomkhuba wokuzidaphela kwizinto zabantu.

Oku kuza emva kokuba abanye abantu betyholwa ngokuphanga indawo yentselo kwaBhaca ngoLwesibini. Amadoda amabini uMkhululi Majova (50) noMphathi Majova (59), bavele ngokufutshane kwinkundla kaMantyi yakwaBhaca ngoLwesine weveki ephelileyo,bejamelene netyala lobusela. Esi sibini singaphandle ngebheyile ye-R500 umntu ngamnye. Ityala limiselwe umhla wesithathu kweyeDwarha 2024 ukuze kuqhutyekwe nophando.

Kutyholwa ukuba ngenjikalanga yangoLwesibini malunga nentsimbi yesixhenxe amadoda amathathu abexhobe ngoombayimbayi angene kwindawo yentselo kwilali yaseMvuzi kwaBhaca. La madoda kutyholwa ukuba aye anyanzela wonke umntu ukuba alale phantsi emva koko athatha umnini ndawo kunye nabasebenzi bakhe babatshixela kwindawo evalelekileyo. Abarhanelwa abathathu bakwazile ukuba isixa-mali esingachazwanga,utywala kunye neemfonomfono eziphathwayo phambi kokuba babaleke.Iinkcukacha ezikwingxelo yamapolisa zibonakalisa ukuba loo gama amaxhoba ayesavaleleke kwindawo ebiyelweyo, abanye abantu basekuhlaleni kunye nabathengi baqalise ukuphanga ishishini eli. Kuthiwa kuphinde kwabonwa imoto yohlobo lweFord Ranger yenqununu yesikolo sasekuhlaleni ithutha utywala kulethaveni. Uphando lokuqala lukhokelele ekubanjweni kwezizalwane zakwaMajova, nalapho bafunyenwe benotywala obebiweyo.

Amapolisa abongoza ukuba nabani na onokuba nolwazi olunokukhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa bokuphanga, kunye nabanye abaphangi ukuba atsalele igqiza eliphandayo ku-0824420618.