Crime & Safety

KUVULWE UPHANDO OLUTSHA NGECRADOCK 4

Yintatheli yeKhwezi

Ukuvulwa ngokutsha kophando ngokufa kwabazabalazi abane baseNxuba (Cradock) uMatthew Goniwe, Fort Calata, Sparrow Mkhonto noSicelo Mhlawuli kuza kuqaliswa ngomhla we-12 kule imiyo kwiNkundla ePhakamileyo eGqeberha.

La maqabane aphinde aziwe ngokuba yi ‘Cradock 4’ abulawa ngamapolisa orhulumente wengcinezelo ngoJuni (kweyeSilimela) ngomnyaka u-1985.

Ngomnyaka u-1987 uphando lokuqala lwafumanisa ukuba iCradock 4 babulawa ngabantu abangaziwayo.

Uphando lwesibini ngomnyaka u-1993 lwafumanisa ukuba ukufa kwalamaqabane kwabangwa ngamapolisa kodwa akukho namnye umntu owathi watshutshiswa.

Amapolisa amathandathu enza izicelo zoxolelo kwi-TRC (Truth and Reconciliation Commission) malunga nokubulawa kweCradock 4.

Eso sicelo soxolelo sakhatywa ngomnyaka u-1999. Omathandathu loo mapolisa ayefuna uxolelo abhubha. Owokuqala wasweleka ngomnyaka u-1998 ukuya kumnyaka u-2023.

Iintsapho zeCradock Four zithe kwesi isigaba sophando iintsapho zabafi zizakuvunyelwa ukuba zinike ubungqina.

Ubungqina bamagosa asebuRhulumenteni buza kulandela xa sekufumaneke imali zendleko zenkundla.

UMphathiswa wesebe leZobulungisa uMamoloko Kubayi uzakube ekho xa kunikwa ubungqina phambi kukaJaji uThami Beshe.

“Olu phando ngokutsha lwamatyala yimigudu kaRhulumente yokusombulula amatyala angexesha lengcinezelo nokuzama ukuzisa ubulungisa ukwenzela ukuba iintsapho ezichaphazelekayo zixole emiphefumlweni,” kutsho uMphathiswa uKubayi.