Sibuyile isibini ebesixhwilwe eMthatha
10 EyeDwarha (Oct) – 23 EyeDwarha (Oct) 2024
Monwabisi Khininda
Ngenjikalanga yangoLwesine oonqevu baye bamisa iveni emhlophe kufuphi nesitishi samapolisa saseSulenkama kuQumbu, baze bothula umlungukazi waseKapa kunye nomfazi waseChina bathi mabazibonele. Esi sibini siye sathi chu-u sayongena emapoliseni.Kuthe kanti umlungukazi lo nguAlize van der Merwe (39) waseDurbanville eKapa, ekukudala ekhangelwa.
UAlize wagaleleka kwisikhululo seenqwelomoya saseMonti ngoLwesihlanu weveki ephelileyo enemincili, ngelithi uyokupholisa intloko kwindawo kanokutsho eyaziwa njengeMngazi Resort eSajonisi. Ukufika kwakhe kwesi sikhululo seenqwelomoya waqesha umcagogo weToyota Fortuner kwaHerts waze wayibetha yancinci, wagqitha iNciba neeDutywa wayokungena eMthatha ngesithuba nje seeyure ezimbini. Emva kwalo mdyarho wayewenza endleleni wamisa kwaShell Ultra City osekungeneni eMthatha xa usuka ngaseMonti.
Kulapho iingxaki zakhe zaqala khona. Wagqibela ukuthetha nosapho malunga nentsimbi yeshumi elinanye (11hrs 30) kusasa kwangoLwesihlanu. Kwathi kanti wayecutshwe ngoonqevu abamxhwila baze batsalela usapho lwakhe besithi bamthathile uAlize kwaye bazakufuna intywenka yemali ukuze bamkhulule. Isithuthi esasiqeshwe nguAlize sayokufunyanwa kwilali yaseDumasi, kungekho mntu kuyo kwangoLwesihlanu lowo. Oonqevu baphinda bafowuna besithi bafuna amawaka erandi. Amapolisa awalichazanga elona xabiso elafunwayo. Kuyacaca ukuba oonqevu aba banxulumana nosapho kwaze kwenziwa icebo okanye oonqevu aba baye boyika emva kokuba kudutyulwe oogxa babo abadume ngokuba abantu pha kuQoboqobo ngoLwesithathu wale veki. Nawo amapolisa asame kwelokuba luxinzelelo abathe balufaka oluthe loyikisa oonqevu bade bambuyisa uAlize neChinakazi. “Ingathi esi sibini besigcinwe kwindawo enye ngabanqevu,” kutsho isithehi sooKhetshe (Hawks) uNdiphiwe Mhlakuvana.
“Abacuphi basathetha nalamanenekazi mabini kwaye sebesiwe nasesibhedlele apho kulindeleke ukuba bajongwe ukuba abonzakalanga na. Bakhangeleka ngathi basothukile emva kwesi sisiganeko sokuxhwilwa kwabo.”

