MUSANI UKUSA ABANTWANA ABANE-AUTISM EMAGQIRHENI
Edition: 30 April 2026 – 13 May 2026 Intatheli: Ntsikelelo Jonga | Khayelitsha

Ikhaya Elitsha Foundation, eliyiziko labantwana abane-autism eliseKhayelitsha eKapa, libe nosuku lomnyhadala (fun day) phezolo njengenxalenye yeNyanga ye-Autism. Abanini beli ziko bameme abazali nabantwana ukuba beze kulo msitho.
UMadlamini, ongumsunguli weKhaya Elitsha, uthe waqala eli ziko emva kokuba ehamba iindawo ezininzi efuna uncedo kumzukulwana wakhe, kodwa engafumani ndawo emamkelayo. Ekugqibeleni uye waya kude eMpuma Koloni, apho wafumana inkxaso ethile, nto leyo eyamkhuthaza ukuba aqale eli ziko ukuze abanye abazali bangadluli kolo bunzima.
Uthe waqaphela ukuba kusekho ukungaqondi kunye nokuhlekisa ngabantwana abane-autism kuluntu. Uye wacela abazali ukuba bayeke ukuthatha abantwana babo babase emagqirheni.
“Abantwana abane-autism abayidingi imimangaliso okanye ukusiwa emagqirheni. Into abayidingayo kukuthandwa, ukuqondwa nokuxhaswa,” utshilo uMadlamini.
Omnye umzali uthe ngaphambi kokuba azise umntwana wakhe eKhaya Elitsha, ebemsa kwi-pre-school apho ebebethwa rhoqo ngootitshala besithi “akave.” Uthe nangona abanye abantwana bekhululwa ngo-16:00, yena wayefowunelwa ukuba eze kumthatha ngo-12:00 kuba besithi umntwana wakhe ubanzima, bengaqondi ukuba une-autism.
IKhaya Elitsha lamkela abantwana abaneminyaka emithathu ukuya kweli-13, libabonelela ngenkxaso yokufunda nophuhliso olufanelekileyo.


