BusinessLocalNews

‘Sikhuthaza uvukuzenzele

28 EyeNkanga 2024 – 11 KweyoMnga 2024

Intatheli: Monwabisi Khininda

Banikezwe izixhobo zokusebenza abo banesakhono sokokha ngu Masipala I Dr AB Xuma. Abathe baxhamla ngabo bathi bafumana uqeqesho kwiminyaka esiyishiya ngasemva nabasele bekwazi ukuqala indlu phambi de bayoyigqiba. Bangapha kwamashumi amathathu abo bathe baxhamla phantsi kwenqubo ethi vuka uzenzele nehoywe kakhulu ngumasipala.

Owokga izindlu nofumene izixhobo uXolisa Meyi uthi khange acinge angakufumana ukuxhaswa kuba kudala wazizamela, uthi ebesokola izixhobo bezingade zonele ngoku kuzakubangcono kakhulu. I-ofisi ejongene ngqo nezicelo ezifunwa ngabantu ithi iqala iyokuwujonga umsebenzi ukuba ukhona na phambi kokuba ixhase. Okwi ofisi umama u Nomsa Daysile uthi banamagosa aqhuba umsebenzi wokuqinisekisa ukuba ivenkile leyo ufuna ukuxhaswa kuyo ikhona ngokwenene na.

“Sisebenzisana nekomiti  zokuhlala sibone singanceda njani,kwabo sele sibaxhasile, siyacela izinto esibanika zona bazikokose kuba umntu simxhasa kubekanye asimphindi, sisitsho nakwabo bafunayo ukuqala izinto mabenze sokubancedisa, sikhuthaza nolutsha ukuba luthathe  inxaxheba“ utshilo umama uDayisi. Abo bathe banikwa ezizixhobo kujongwe ukuba bathathe inxaxheba kwizindlu ezizakuthi zokhiwe neziyi project karhulumente. Oligosa kumasipala umama u Mgidi uthi bazakuqhubeka nokuxhasa abantu ukulwa indlala nentswelangqesho.