Amafama waseMbhashe agxotha indlala ngokulima
27 August 2026 | Anele Raziya | Mbhashe
Njengokuba amathuba wengqesho enqabile kwilizwe laseMzantsi Afrika, amafama asakhulayo waseMbhashe wona axoze mphino wumbi ukhawulelana nalo mceli mngeni.
Usukela kwiminyaka edlulileyo oko urhulumente welizwe ehlaba ikhwelo kuluntu ukuba livuke lizenzele ngokuthi livule iprojekthi okanye amashishini amancinane ukunciphisa izinga eliphezulu lendlala ebangelwa kunqaba kwamathuba emisebenzi.
Kubonakala amafama waseMbhashe kwindawo yaseMuru-Muru enguwadi 9, esabele kweli khwelo lika rhulumente.
Amafama waseMuru-Muru aziqalela iMasijongane Maize Project ngelizama ukugxotha indlala.
Ngokwengxelo kamasipala waseMbhashe neyamafama kuyobonakala ukuba iprojekthi iMasijongane Maize iqhuba kakuhle kwaye urhulumente wonwabile yinkqubela yayo.
Kwiveki ephelileyo necandelo lika masipala waseMbhashe elijongene noPhuhliso noQoqosho lwengingqi (Local Economic Development) belikhe latyelela iprojekthi kwaye labuya lincumile.
IProjekthi kuyavakala ukuba iqhutywa ngamalungu alishumi elinesihlanu(15) kwaye ivelisa umbona.
Encokola noonondaba omnye wamafama kule projekthi, uZimisele Mnganyelwa uthe umsebenzi wabo ubaluleke kakhulu kuba uncedisa ekukhuliseni uqoqosho ekuhlaleni kwaye ukwavelisa namathuba wengqesho.
“SiyiMasijongane Maize Projekthi siyayibulela inkxaso esiyifumana kumasipala waseMbhashe osipha imbewu yombona esincedayo ukuba sikhulise imveliso yethu kwaye lonto iyasinceda sincedise nakuqoqosho ekuhlaleni,”kutsho uMnganyelwa.
Uqbube wathi ngenxa yenkxaso abayifumanyo bakwazile uvelisa iingxowa zombona ezinqabeleyo ku500 kulo nyaka kwaye ingxowa enye bayithengise ngemali engange R250.
Ukwathi intshiyekela yalo mbona bakwazile ukuyisebenzisa ukuba bavelise ukutya kwemfuyo nto leyo ebancedileyo ukuba bangangeni nzulu xa besondla imihlambi yabo.
Utyelelo luka masipala belikwajolise ekujongeni inkqubela esele yenziwe yile projekthi, ukuqokelela ulwazi malunga nemisebenzi eqhubekayo, kwakunye nokwenza iprofayili yeprojekthi njenga nxalenye yenkqubo karhulumente yokulandelela ifuthe lenkxaso.
UMasipala uyaqhubeka nokuxhasa amalinge ezolimo ngenjongo yokuphuhlisa amafama asakhasayo.Rhoqo ngonyaka umasipala uye akhuphe ikhwelo apho amema onke amafama avelisa umbona ukuba afake izicelo zenkxaso yembewu yombona.


