Mbhashe Farmer’s Association ukholelwa ngoku veliswa kombona
28 EyeNkanga 2024 – 11 KweyoMnga 2024
Intatheli: Anele Raziya
Umbutho wamafama eMbhashe, iMbhashe Farmer’s Association ukholelwa kwelokuba ukuveliswa kombona ngobuninzi bawo kungaza neeguqu eziphucukileyo kuqoqosho lwasekuhlaleni kwaye kunciphise namathuba wendlala emakhaya.
UPhllip Gcinile Qokweni ongusihlalo walo mbutho wamafama, uthe wakhuliswa ngabazali ababengasebenzi kodwa bakwazi umfundisa wade wafumana iizidanga ezine zemfundo enosmila besebenzisa imali ngeniso ebabeyifumana ngokulima umbona bawuthengise.
UQokweni ebethetha kwiveki ephelileyo kumsitho ubuseDutywa edolophini nalapho umasipala waseMbhashe ebenikezela ngeengxowa zeembewu yombona kumafama waseMbhashe.
“Abantu bakudala babengafundanga kodwa babekwazi ukufundisa abantwana babo bade bafumane imfundo enomsila ngokulima umbona bawuthengise,” kutsho uQokweni obenikwe ithuba lokuba abulele umasipala ngenkxaso ayinike amafama waseMbhashe.
Kwintetho yakhe uqhube wathi ukuba amafama angalima umbona ngobuninzi lonto ingaluphuhlisa nangakumbi uqoqosho ekuhlaleni kutsho kunciphe nezinga eliphezulu lendlala emakhaya.
Kwinyanga ezidlulileyo kukhe kwanqaba ingca eluhlaza kwilali zaseMbhashe, uQokweni uthe iinkomo bezisele zifumana umbona ukuzigcina ziphila kwaye zondlekile.
Uye wakhuthaza namafama waseMbhashe ukuba ayisebenzise ngononophelo imbewu yombona ayiphiwe ngumasipala kwaye azame nokuphucula imeko yawo ingafuni nangaphambili kwicala lokuvelisa umbona.
Usodolophu waseMbhashe uSamkelo Janda uthe ngamafama ayi97 ekulindeleke ukuba axhamle kule nkxaso yembewu yombona.
UJanda uqhube wathi okwangoku basanikezele imbewu kumafama waseDutywa kwaye kulindeleke baqhubeke banike namafama waseXhorha nawakuGatyane kweezintsuku zilandelayo.
Ukwavakalise nento yokuba bakhe ubuhlobo kunye neSebe elijongene noPhuhliso lwamaphandle kwezolimo ngenjongo zokuzama ukunceda amafama wabo.
Kunyaka mali ka2024/2025 umasipala waseMbhashe ubhengezile ukuba unezicwagciso zokuncedisa kangangoko enako ookopolotyeni (Co-operative projects) kunye nafama ngenjongo zokulwa nendlala kunye nokhuthaza amashishini asakhulayo.


