Abamnkelwa zizindlu bancedwe yimibutho yesisa
30 EyoMqungu (Jan) 2025 – 12 EyoMbumba (Feb) 2025
Intatheli: Anele Raziya
Indawo yaseAmathole ibhengezwe njenge ntlekele (disaster area) kwiveki ephelileyo emva kwemvula ezinkulu ezinethe ekupheleni kuka Disemba uphumela kule nyanga imiyo zaze zatshabalalisa amakhaya abalekayo zashiya abantu bengenanto kwindawo ezifana noMnquma, Mahlathi, Raymond Mhlaba naseNgqushwa.
Ilali ebizwaSiqithini eXilinxa eNgqamakhwe iye yamkelwa yimizi elishumi elinesithandathu (16) bashiyeka abantu belele phandle ngenxa yezimvula bezinkulu zangoDisemba nezide zaphumela nakule nyanga.
Ngokwengxelo ekhutshwe ngumasipala wesithili iAmathole kwiveki ephelileyo, ibonisa ukuba umonakalo owenziwe zezizatyatyala zemvula uqikelelwa kwimali engange R57, 263, 582.11
Uphononongo lomonakolo obangelwe zezimvula uye wenziwa lisebe elijongene nokuHlaliswa koluntu ephondweni (Department of Human Settlement) libambisene necandelo elijongene nezentlekelo kuzwelonke nasephondweni, National, Provincial and district disaster management centres.
Ziintsapho eziyi 148 eziye zasheka zingenawo amakhaya eNgqushwa logama imizi engama83 iye yatshabalala eMnquma, Mbhashe, Raymond Mhlaba naseMahlathi.
Lo nto ithethe ukuthi inkonzo ezingundoqo ziye zaphazamiseka kule mizi iyi83 njengokuba ithe yemka nezikhukhula zemvula.
Imibutho yesisa efana noGift of the Givers, The Red Cross Society ne Al Imdaad Foundation kunye nesebe elijongene neNtlalontle yoLuntu ephondweni kuyavakala ukuba bolule isandla ukunceda abo bengenazo ingubo zokulala nokutya kunye nezinye izinto.
Inkosi kwilali iSiqithini eXilinxa, uNkosikazi Vuyokazi “Ah Nozuko” Qongo uye wayibulela inkxaso abayifumuna kule mibutho norhulumente beyindawo yaseNxilinxa.
“Nangona urhulumente eyinika inkxaso indawo yaseNxilinxa kangangoko kodwa ndiyacela ongeze nangokunikezele ngezindlu zethutyana (temporary houses) kwabo bathe balahlekelwe yiyo yonke into ebebenayo,” kutsho uQongo.
Uthe abo balahlekelwe yimizi kuyafunekwa bancediswe nangenkqubo yokuthuthuzelwa komphefumlo (counselling) ukuze kuzobuya ithemba.
UMasipala weAmathole uthe onke amaxhoba wezimvula zinkulu ayalifumana uncedo aludingayo kwaye bazakuqinisekisa ukuba bawaxhasa kangangoko ngento yonke.
Kwaye isithili siqhube sathi sizakuqhubeka nokulumkisa uluntu lwaseAmathole malunga nezantyalantyala zemvulo ezizayo okanye xa isimo sezulu sizakuba sibi ingakumbi kwindawo ezisemaphandleni.


