Umalusi udlwengule isidumbu
30 EyoMqungu (Jan) 2025 – 12 EyoMbumba (Feb) 2025
Intatheli kaDizindaba
Abahlali base Bathenjini bothuswe ngumhlola awenziwe yindoda engumalusi wempahla kwilali yaku Mantshayi nalapho ithe yadlwengula usisi ongasaphiliyo.
Kuvakala okokuba lo malusi wempahla nekuthiwa uphuma eLady Frere uye wahlasela udade obezihambela ezama ukumdlwengula.
Kuthiwa kulapho kuthe kwaqhambuka idabi kuba lo dade uye wazilwela waza wabonisa ukumoyika lo mhlaseli.
Ngokwengxelo ethe yanikezwa nguye kanye umhlaseli kuthe xa kubonakala okokuba le ndoda yambethekisa ematyeni ngamandla wade wasweleka lo dade.
Ngokwengxelo athe wayinika abahlali lo mfo akulishiya eliphakade lo dade le ndoda iye yamdlwengula. Emva koku le ndoda kuthiwa yamfihla ezindongeni ezinamahlahla umzimba walo dade yaza yamana iya kumdlwengula yaza yamnka nee mbadada azalo dade.
Kuvakala okokuba kubesemva kokubhaqwa kwe mbadada kulo apho abahlali baye bamhlasela waza wada waya kubonisa apho umzimba awufihle khona.

