Crime & SafetyLocalNews

Limoshekile ikamva lentwazana ethe yalixhoba lokudlwengulwa 

Intatheli: Yonela Mpaka | Ngcobo

Abahlali base Ngcobo bebeme  phambi kwenkundla zika Mantyi beyothi makangayifumani ibheyile utata u Xolani Sotya onamashumi asixhenxe ubudala notyholwa  nokudlwengula umntwana oneminyaka esixhenxe ubudala nohlala kwindawo yase Nyanga eNgcobo.

Intwazana le iselula uAyabulela Mngxitshana kuvakala ukuba kudala elixhoba likatata. Abahlali base Ngcobo kwimibutho eyahlukeneyo bebevutha ngumsindo phambi kwenkundla besithi utata lona utyholwa ngesisenzo bafuna abolele eziseleni ukuba ngenene lento uyenzile.

Omama abakhokheleyo kumbutho we African National Congress bakukhalimele kakhulu oku.Umama uNomaliviwe Stemela we Women’s league uthi nabanina  owenza ububi umthetho mawudlale indima yawo.

Abantwana abaphantsi kweNkciyo nabahlolwayo nabo bebeyinxalenye yoku bezokuxhasa lentwazana iselula.Otata nabo bakuxhase kakhulu oku. Utata uSivuyile Platyi Ngcobo uthi isenzo esi sibi kakhulu noko bayakhala bengotata kuba izinto ezinje ziyalimosha ikamva lomntana. Umrhanelwa akayinikwanga ibheyile kwelityala.