ININA LIQEQESHA AMANYE AMANINA UKUZE AKWAZI UKUZIKHUSELA NOKUZITHEMBA
Intatheli: Ntsikelelo Jonga
UNonzwakazi (Coach Nzwakie), owazalelwa eDutywa eMpuma Koloni kwaye ngoku uhlala eNtshona Koloni ngenxa yomsebenzi, uthi iingxaki ezininzi ezijongene namaNina, kuquka ukuxhatshazwa, zimchukumise kakhulu yaye zimenze wanqwenela ukubanceda ngokubaxhobisa ukuze bakwazi ukuzikhusela.
“Ndiqeqesha ndikwalolongisa amaNina ukuze bakhe ukuzithemba phantsi kweemeko ezinzima,” utshilo uNzwakie xa ebuzwa ngoonjongo zakhe eziphambili. Uthi waqala ukuzilolonga esesezantsi esikolweni, waza waqhubeka nathi eKapa. Nangona ethathile ikhefu elifutshane, waphinda wabuyela kweli qeqesho.
Ucacisa ukuba ukuqeqesha kwakhe kukunceda amaNina abe sempilweni, azithembe, azikhusele, aze akwazi nolawulo loxinzelelo lwengqondo. “Inkxalabo enkulu esijongene nayo singamaNina kukuphathwa gadalala, ukuxhatshazwa kwanokubulawa. Abanye abanako nokuzikhusela – mhlawumbi olu qeqesho lunokubanika amandla,” utshilo uNkszn Nonzwakazi.


