U-OMOTOSO UPHUME ETSHAYA
Intatheli: Monwabisi Khininda
UMfundisi odumileyo uTimothy Omotoso kunye nabamangalelwa ababini, uLusanda Sulani noZukiswa Sitho, baguqe ngamadolo bekhwaza “Thank You Jesus!” emva kokuba iJaji u-Irma Schoeman ibagwebe ingenatyala kwinkundla yamatyala yaseBhayi ngoLwesine weveki ephelileyo.
IJaji Schoeman ithe: “Andonelisekanga bubungqina babo bavule eli tyala, kwaye akukho bango liqinisekileyo lwezi zityholo. Ngezo zizathu ke abamangalelwa ndibafumanise ingenatyala ngakuzo zonke izityholo, ndiyabakhulula.”
U-Omotoso kunye namanenekazi amabini bebejamelene nezityholo zokudlwengula, ubuqhophololo, ukuthwala abantu, kunye nokuxhaphaza ngezesondo. Isigwebo siphele emva kweminyaka esibhozo eli tyala lingena liphuma enkundleni. U-Omotoso wabanjwa ngo-2017 eTshazimpunzi, kwaye ukusukela ngoko ebezama ukuba lichithwe eli tyala.
Isithethi seGunyabantu leZotshutshiso (NPA), uLuxolo Tyali, uthe: “Ukulibaziseka kweli tyala kudale ukuba amanye amangqina arhoxe angafuni ukuqhubeka, bambi sele beqhubeka nobomi babo kwaye abanamdla wokuphindaphinda ibuhlungu le nkumbulo enkundleni.”
Kukho amarhe okuba uOmotoso angabuyiselwa eNigeria ngoku sele lichithwe ityala. U-Omotoso waziwa ngokuba ngu “Man of God” yinkokeli ye-Jesus Dominion International (JDI) church, enamasebe eMzantsi Afrika, eNigeria, nakwaSirayeli.


