KayamnandiStellenbosch

I-UNJANI CLINIC YENZE UMSITHO WOKUBULELA KUBAHLALI ABANGABAXHASI BAYO

STELLENBOSCH/KAYAMNANDI

NGU:NTSIKELELO JONGA

UMphathi we Unjani Clinic nesakhiwo sayo esizinze eKayamnandi eStellenbosch uthe wenza umsitho ngelokubulela abaxhasi nabangooMama babantwana abancedwa kule kliniki. Uthi ukholelwa ukuba kuyinto elungileyo ukuba xa abantu bemxhasa abuye enze umbulelo. Ngolu suku lomhla wama-30 kule kaCanzibe, sibona abantwana bedlala bedlobadloba kwi “jumping Castles, ukanti ke bekukwakho nezipho abaye bazinikwa abazali babantwana.