Education

UQHANKQALAZOE-WSU KWAKHONA

MTHATHA
Abafundi beDyunivesithi iWalter Sisulu kwiziko eliseMthatha babhenele kuqhankqalazo emva kokungasiwaso kwesinyanzeliso sokuba uManelisi Mampane angayinikwa ibheyile.

Inkundla kaMantyi eMthatha ngoLwesine weveki ephelileyo imnike ibheyile yama-R10 000 uMampane onguManejala weendawo zokuhlala bafundi kule Dyunivesithi.

UMampane wabanjwa wavalelwa ngezityholo zokudubula abulale umfundi, onzakalise abanye abafundi nangesityholo sokuba nompu ongenazimpepha-mvume.

Abafundi bavale uhola wendlela u-N2 betshisa amatayara. Kubanjwe abafundi abane abazovela enkundleni kule veki.

IKumkani yabaThembu uZwelibanzi Dalindyebo uye wangenelela ngelilamlayo. Ethetha nonoondaba uthe udikwe nya ziJaji kunye neNkundla yaseMthatha enorhwaphilizo nekukholeleka ukuba iyanyotywa.

Oku kuza emveni kokuba le Nkundla ikhulule ngebheyile uMampane.