OSEMTSHA UNCEDA UKUPHUHLISA ISAKHONO SOKUCULA KWABATSHA
KRAAIFONTEIN
Iimvumi ezininzi nezingabantu abatsha ezikwaneziphiwo zokucula zizifumana kumaxesha amaninzi ziphantsi koxinezelo lwengqondo. Oku kwenzeka ngenxa yokuba kuye kutshabalale amathemba okufezekiswa kwamaphupha wazo. Baphele ke abanye besenza izinto ababengazange bacinge ukuba bangazenza. Zizinto ezo ezinjengokuzibandakanya kwizenzo zolwaphulo-mthetho, ukukhulelwa okungacwangcwiswanga, kwanezinye izinto ezingamkelekanga okanye eziphazamisayo kubomi bazo.
Kodwa ke mazingalilahli ithemba kuba kaloku ukho omtsha nosaze ngobuso elizweni nothi kuzo, “amaxhala phantsi. Kusezakuxhelw’eXhukwane nakobu bakho ubomi. Kaloku nethunga lizala ngumphehlulu. Lo mizamo yakho emincinci oyenzayo musa ukuyidelela,” lawo ngamazwi wakhe uMnu Vusumzi Shaun Mdudumana. Kanti ke kwiqonga lomculo uthi ubizwa ukuba nguShaun DeLuxe.
Uthi umculo kudala ewuthanda kangangokuba waye wasungula i’studio’ sakhe etyotyombeni eWallacedene nalapho waye wanceda kakhulu ukushicilela umculo weemvumi ezingabantu abatsha abaninzi eKraaifontein nakwezinye iindawo ezikweli leNtshonakoloni. Uthi kuthe ngokuba esiya efumana amava kushicilelo, nangona kwakunzima kuba bekungekho mali imngenelayo, bekuye ke kunyanzeleke ukuba makamane ukuya kubamba amatorho (piece jobs). Kodwa lona uthando lwakhe emculweni nasekuncedeni abantu abatsha ukuba kuphuhle izakhono zabo zokucula luye lwakhula ngamandla.
Uzive ukhula nangakumbi umdla wokuziphuhlisa yena kuqala nangona iintsiba zazingekho, kulapho wathetha noSisi wakhe ukuba amncede ngokuthi amhlawulele imali yokuba ayokufunda nangakumbi ngomculo nangabo bonke ubuxhakaxhaka (Academy Of Sound Engineering). Uxhasiwe ke nguSisi wakhe onguNokwanda waba ke uyakwazi ukufunda i’Sound Engineering’ kwalapha eKapa nobekufezekisa iphupha lakhe.
Egqibile ukufunda uye wafumana ithuba (Opportunity) yokuba ayokwenza i’internship’ eRhawutini ngo-2023. Uthi ke kulapho athe wasebenza njengosomxhakaxhaka womculo (sound technician) esebenza neemvumi ezingosaziwayo ezinje ngo-Amanda Black, wenza nee’jazz festivals’. Njengangoku uncedisa ukubeka kwinqwanqwa eliphezulu iqela laseBhayi (Gqeberha) awalibona ku’Facebook’ walikrweca ngenjongo yokulincedisa.
Iqela elo igama lalo yi ‘Positive Minds’, banecwecwe elingokukhumbula nokothulela umnqwazi kwigqalakazi lemvumi engasekhoyo uBrenda Fassie. Igama lecwecwe lithi ‘Amalahle’. “Iphupha lam kukunceda abantu abatsha abaminqweno yabo ikukuphumelela ngomculo ingakumbi kwabo isisakhono Kubo,” uchaze watsho uMdudumana.


