Banikwe intsuku ezisixhenxe baqwalasele ingxaki zabantu Ngcobo
01 September 2026 | Yonela Mpaka | Ngcobo
Zibuyele kundalashe izinto edolophini eNgcobo emva koqhanqalazo oluqhube iveki kusithiwa makaphume aphele ongu Municipal Manager uLucky Mulaudzi kumasipala iDr AB Xuma eNgcobo.
Oku kuza emva kwezityholo abekwa zona zokusebenzisa imali kamasipala gwenxa, ukungabhataleli abasebenzi bomasipala iUIF zabo kwakunye ne Provident Fund. Intlanganiso yeBhunga ithe yahlala kumasipala Lona kubizwe Oyinkokheli nonguSodolophu eChris Hani municipality uLusanda Sizani nabaphume nesigqibo sokumnqumamisa loka Mulaudzi endaweni yakhe kwangena uMr Simphiwe Malongwe.
USizani uvakalise ukuba uphando luzakuqhuba kwezizityholo zibekwayo. Uluntu lwase Ngcobo luqhwabe izandla ukuva ezindaba zokunqunyanyiswa koMphathi Masipala. Umasipala unikwe ithuba lokuqwalasela zonke ingxaki ezijongene noluntu lwase Ngcobo.


