Abasetyhini mabakhuselwe bahlonitshwe-Fanta
Yintatheli yeKhwezi
UMphathiswa woPhuhliso loLuntu eMpuma Kapa,uBukiwe Fanta ubongoze uluntu ukuba luhloniphe luphinde lukhusele abantu basetyhini njengoko le iyinyanga yamanina.UMphathiswa ephondweni ekunye nosapho lakwaKhohliso kunye nombutho woonotekisi baseBarkley East banikezele ngokusesikweni ifenitshala,iipasile zokutya kunye nempahla yesikolo kwiintsapho ezithe zachaphazeleka kwintlekele yezikhukula nekhephu kwiholo iNkululeko eBarkley East ngoLwesine weveki ephelileyo.
UMphathiswa uthi isithili saseJoe Gqabi sesinye sezithili eziphezulu ezinamanani aphezulu amatyala axeliweyo achasene nobundlobongela obusekelezelwe kwisini kunye nokubulawa kwabasetyhini.


