Kuzingelwa ibanjwa elibulele amapolisa amabini
Yintatheli yeKhwezi
Amapolisa aseRhawutini akhangela ibanjwa elinguJabulani Thabang Moyo elifunwa ngokunxulumene nokubulawa kwamapolisa amabini adutyulwe eFlorida eJohannesburg ekuseni ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.Ngokwengxelo yamapolisa abecuphi ababini bahlatyaniselwe ngeembumbulu lwangcol’ungele kwisithuba secala emva kwentsimbi yeshumi ngentlazane.Aba babecuphi bebeyinxaleny yrTrio Task Team.
Isithethi samapolisa uLt-Col Mavela Masondo uthi lamapolisa ebeyothatha umrhanelwa obevele enkundleni eRoodeport ngetyala lokuphanga ishishini ngo-2023.Kudizwe ukuba uMoyo oyinzalelwana yaseZimbabwe uwadubule ngethuba embuyisela entolongweni eBoksburg emva kokuvela enkundleni.Imipu yamapolisa ithe yathathwa ngethuba lokuhlaselwa.Umrhanelwa ukhe wabonwa eqhuba isithuthi samapolisa esingabhalwanga kodwa sifunyenwe sishiywe kumgama ozikhilomitha ukusuka kwindawo apho kubulewe khona amapolisa.Amapolisa athembisa nge-R150000 kumntu onokuza nenkcukacha ezinokukhokelela ekubanjweni kukaMoyo


