Crime & Safety

Kubulelwe amanina amabini eNgobozana

Yintatheli yeKhwezi

Amapolisa akhangela indoda edubule yabulala umfazi wayo nowayesisithandwa sayo kwilali yaseNgobozana eLusikisiki.Amapolisa aphanda amatyala amabini okubulala emva kwesiganeko sokudubula esenzeke kwindawo yaseNgobozana ngentsasa yangoLwesibini kwiveki ephelileyo.Umrhanelwa yindoda eneminyaka engama-24,kuthiwa idubule yabulala iNkosikazi yayo eneminyaka engama-49 kunye nowayesisithandwa sendoda,oneminyaka engama-22,kwiiyure zokuqala zangoLwesibini,umhla we-05 Agasti 2025 phakathi kwentsimbi ye: 01.00 ne-01.30 kusasa.

Ngokwengxelo yamapolisa,umrhanelwa uqale ngokudubula owayesisisthandwa sakhe kwindawo yentselo eNgobozana A/A,waze waya kwikhaya lakhe eUnity Park eNgobozana apho afike wadubula iNkosikazi yakhe ikobude ubuthongo.Umrhanelwa emva koko uye wabaleka ngemoto yosapho,ethe yafunyanwa ngamapolisa ishiywe ecakwendlela.Ezivakalayo zezokuba ngoLwesihlanu le ndoda ifunyenwe ibhubhile kwikhaya layo.Unobangela wokusweleka kwayo usaphandwa ngamapolisa.