Community

Ulinde indlu yakhe umakhulu ona 87 years eNgcobo 

Ibachukumisile imeko ka makhulu omdala nohlala kwindlu engekho semgangathweni  abo babetyelele ePitoli nabangabahlali base Ngcobo beyokukhalazela izinto ezingahambi kakuhle. 

Umakhulu u Nomabhadi welali yase Madladleni ekwa ward 8 noneminyaka engamashumi asibhozo anesixhenxe uhlala kwindlu enokuwa naninina nexhaswe ngamazinki.

Ekuhambeni kwezinkokheli zazityelele ePitoli zifumene umakhulu ekwisimo esibi kakhulu.Inkokheli yabahlali uEsethu Mntsantsa uthi bachukumisekile kukubona imeko ka makhulu injeya emva kokuba umakhulu evota minyaka le.”

Ukuba besingakhange siyibone imeko ka makhulu sisiva ngabo bakufutshane nakumakhasi onxibelelwano ebeyakude abelixhoba lokudilikelwa yindlu,sicelile kuye wonke umntu ukuba angaphosa esivivaneni ukuze umakhulu akwazi ukokhelwa indlu, sitshilo ke ukuba asimvaleli nomasipala ukuba uyakwazi ukumnceda umakhulu lithuba lakhe eli kuba noko kudala ehleli kubugxwayiba ,sithembisa kananjalo nathi ukuba sizakuwenza umahluko,” utshilo uMntsantsa.

Umasipala wase Dr Ab Xuma oko ethe gqolo ukunceda abo bangawo amaxhoba emvula nemimoya bangesenazindlu ngokubanika ukutya,kodwa oko babevakalisa ukuba banqwenelwa ukokhelwa.

OnguCeba uNondumiso Qakaza uvakalise ukuba imeko ka makhulu bayisele iliso bazakuzama kangangoko ukuba umakhulu afumane indlu yesibonelelo nanjengoko babemfake ukuba okhelwe.

Umakhulu akanabo abantwana abanothi baphakame bamele into yakhe kodwa ukhona umama ongumnelwane uzibophele ngelithi uyakumjonga umakhulu amxhase.

Umfanekiso:Indlu ka makhulu ona 87 years ofuna uncedo.