ULuxolo Matikinca ongumsunguli weNozulu Youth Legacy Cup
28 March 2024 – Anele Raziya
Ongusompempe kwiPremier Soccer League uAkhona Makalima ekunye neqela lombhoxo laseNgqamakhwe, iNgculu Zebra bakwiphulo lokuphuhlisa imidlalo eNgqamakhwe nakwilali ezingqongileyo.
Kulandela emva kwesibhengezo sokuba uMakalima ekunye neqela iNgculu Zebra bazakusindleka itumente yemidlalo entlobo-ntlobo kwiveki ezayo uqala ngoLwesihlanu uyokuma ngoMgqibelo (29-30 Matshi).
Injongo zale tumente kuncedisa kuphuhliso lwezemidlalo ingakumbi kwiindawo ezisemaphandleni.
Umdlalo webhola ekhatywayo, ibhola yomnyazi kunye nebhola yombhoxo, iphakathi kwemidlalo ekuza kuthathwa kuyo inxaxheba ngale mini yetumente.
Omnye wabaququzeleli kule tumente, uXhadi Makalima uthe wonke amaqela avumelekile ukuba athathe inxaxheba ingakumbi lawo waseNgqamakhwe.
Uthe iqela ngalinye lizokungena simahla kule midlalo akukho mali lizokuyihlawula ukuba libeyinxalenye.
Uqhube wathi amaqela aphume phambili okanye athe agqwesa kule midlalo intlobo-ntlobo aza kufumana izixhobo zokuziqeqesha (training equipment) exabisa iR10 thousands njenge mbaso eliphambili.
IWalter Sisulu University kwiKhampasi eseGcuwa kuquka neKhampasi yale Yunivesithi eseKomani kunye neCentane King Hintsa TVET College bamenyiwe ukuba babeyinxalenye yalemidlalo.
Kulindeleke ukuba kubekho nezithethi ezihloniphekileyo ezizakube zikhuthaza abadlali abakhulayo ngale mini.
Oosompempe abasukhulayo nabo kulindeleke ukuba bafumane ithuba lokuphatha imidlalo kule tumente.
Kwiveki ephelileyo uMakalima ekunye neNozulu Youth Legacy Cup bakhe babamba uqeqesho losompempe abasakhulayo ngenjongo zokuba baxhobisa ngokuphatha imidlalo.
Elo qeqesho belubanjelwe kwisikolo iButterworth High School kwaye oosompempe abangamanina namadoda bebephume ngobuninzi babo uzokufunxa amava kuMakalima okhe wayinxalenye yendebe yehlabathi.
UMakalima ekunye neNgculu Zebra banenjongo zokuyisindleka unyaka nonyaka le tumente kuba befuna ubanogalelo kuphuhliso lwezemidlalo ekuhlaleni kwaye basuse ulutsha kwiziyobisi.

