Crime & SafetyLocalMPUMA KAPANews

Inkwenkwana idubule yabulala umzala wayo

Intatheli: Monwabisi Khininda|Mqanduli

Inkwenkwana eneminyaka esibhozo ubudala idubule yabulala umzala wayo oneminyaka esixhenxe kwiveki ephelileyo. Esi sehlo senzeke kwilali yakuNothintwa eNgcwanguba, eMqanduli. Ngokwengxelo yamapolisa le nkwenkwe eneminyaka esibhozo ifumene umpu katata wayo kwigumbi lokulala,yaze yawuthatha yawujolisa kumzala wayo,yadubula lahlanza iselwa.

UMphathi wesikhululo samapolisa saseKwaaiman uthi amatyala amabini avuliwe, elokubulala elibhaxekwa kulenkwenkwana eneminyaka esibhozo netyala nakutata wayo oneminyaka engama 48 ubudala, ejongene netyala lokungabeki umpu wakhe kwindawo ekhuselekileyo. Utata wombulali uye wabanjwa waze wakhutshwa ngesilumkiso, kwaye kulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla kaMantyi eMqanduli kuleveki.

Le nkwenkwana eneminyaka esibhozo idluliselwe kubasebenzi bezentlalontle ukuze ifumane uloluleko ngokwasengqondweni nasemphefumlweni. Esi sehlo sivuselele ingxoxo eqhubekayo malunga nokhuseleko lwezixhobo zokudubula emakhaya. Amagosa esizwe acela abanikazi bemipu ukuba bathathe uxanduva olukhulu,baqinisekise ukuba izixhobo zabo zigcinwe ngokhuseleko olungqingqwa ukuze kuthintelwe iingozi ezifana nesi esothuse umzi.