Inqununu inqunyanyiselwe ubudlwengu
Intatheli: Monwabisi Khininda
Isebe lezeMfundo eMpuma Kapa lirhoxise emsebenzini lowo ebeyiNqununu kwisikolo samabanga aphakamileyo iCofimvaba, uKhulile Qmata, ngezityholo zokudlwengula abafundi kunye nokwehlisa imali yesikolo ngomlenze.
Iingxelo zidiza ukuba lo kaQamata uqale ukudlwengula abafundi ngonyaka ka-2022 kwisikolo samabanga aphakamileyo iNyanga. Nanjengoko kukho ezo zityholo waye wakwazi ukufumana isikhundla sokubayi Nqununu kwakhona kwisikolo samabanga aphakamileyo iCofimvaba.
