Umsebenzi karhulumente ubanjelwe ubusela bemfuyo
Monwabisi Khininda | Mthatha
Amapolisa ecandelo elilwa ubusela bemfuyo e-O.R Tambo anqakule indoda enama 55 eminyaka ubudala esebenzela urhulumente nonyana wayo onama-22 eminyaka kwindlela u-R61 kufuphi naseDecoliyn eMthatha ngokufunyanwa neegusha zobusela ezingama-38. Abarhanelwa babanjwe emalanga ngoMgqibelo weveki ephelileyo.
Ingxelo idiza ukuba amapolisa alandele iinkcukacha ngeegusha ezebiwe eTabase ngoLwesine kwaze kwavulwa ityala. Isithethi samapolisa uCaptain Welile Matyolo uthi kuvakele ukuba zisendleleni esingise eNtabankulu. Ngokugxabhagxabhisa amapolisa afumene isithuthi esiluhlobo lwe-Toyota Hilux sirhuqa itrailer egcwele yilemfuyo yobusela.
Uphando lokuqala lukhokelele ukuba umnini wazo azifanise ngempumelelo iigusha zakhe emva kokufunyanwa ngamapolisa. Abarhanelwa baza kuvela phambi kwenkundla yamatyala eMthatha kuleveki ngetyala lokufunyanwa nemfuyo yobusela. Uphando lwamapolisa luyaqhuba ngelityala.


