Amafama afumene inkxaso
Intatheli: Anele Raziya | Mbhashe
Amafama weemfuyo kwindawo ezahlukeneyo eMbhashe asethubeni elihle lokwenza imali ngeniso ethe xhaxhe kunakuqala xa ethengisa imveliso yawo kulo nyaka.
Kutsha nje amafama wemfuyo eDutywa, Xhorha nakuGatyane abenyhweba yokufumana inkxaso yamayeza emfuyo nayifumene kumasipala waseMbhashe.
Ukufumana kwawo amayeza lonto ithetha ukuthi imfuyo yawo iza kuhlala isegazini kwaye ityebile.
Omnye wamafama encokola noonondaba, uTata uZimisile Manganyelwa waseDutywa, uthe ukufumana kwabo inkxaso yamayeza lonto izakuba banceda ukuba bavelise uboya obusemngangathweni kwigusha.
“Siyayibulela inkxaso esiyifumene kurhulumente ngala mayeza kwaye ndinethemba ukuba sakutsho sivelise uboya obukwizinga eliphezulu nangakumbi,” kutsho Manganyelwa.
Uthe amayeza abawafumeneyo ayazicoca izilwanyana ngaphakathi nangaphandle kwaye lonto izakubangela zihlale zintle iigusha zabo eboyeni kwaye zondlekile.
UTata uMzwakhe Nxiweni ongumfama wakuGatyane uthe sokuze baphinde babenezilwanya ezinamakhalane kunye neentshulube (worms) kuba amayeza abafumeneyo acoca kwanto emfuyweni.
UNxiweni uthe njengokuba isimo sezulu siguquguquka nje kodwa izilwanyana abazifuyileyo ngekhe zichaphazeleke kuso ngenxa yala mayeza bazakuwasebenzisa.
Ukwathi bavuye kakhulu ukufumana kwabo lenkxaso kuba lamayeza ixabiso lawo lixhomile xa umntu esiya kuzithengela evenkileni ngeloxesha amafama awathantweni.
Ukanti lamafama akwanethemba lokuba azakudlala indima ebonakalayo nangakumbi ekukhuliseni uqoqosho lwasekuhlaleni.
UMbhashe ngale nkxaso yawo uyawakhuthaza amafama ukuba asebenze ngokuzimisela ukuze alwazi nokuthengisela iivenkile ezinkulu kunye neemarike uboya kunye nenyama.


