CommunityEducationLocalNews

Izikolo ziyayinikwa inxaso

Intatheli: Yonela Mpaka | Ngcobo

Abafundi besikolo saku Ntsinga kwakunye no Mgudu phantsi kwedolophu yase Ngcobo bathe baxhamla kwizihlangu zesikolo kwakunye nekiti yebhola. Oku kwenziwe  ngu Comrade  uAmanda Mendu nokwibrentshi ye Mountain Top eNgcobo nokwangu Ceba. Abafundi  abaxhamle kwikiti yebhola ngabo bathatha inxexheba kwezemidlalo.

Ukuxhaswa kwesikolo kubonakala kudingeka kakhulu nanjengoko abafundi ingabo baphuma kumakhaya angathathintweni abanye bephila ngemali yesibonelelo sikarhulumente. Oku u Amanda ukwenze phantsi kwephulo lika Back to school befuna ukubuyisa isidima somntwana ofundwayo, bencedisana nabantwana ekunzima kubo kuba isimo sokuhlala bayasibona. Bakhuthazwa abantwana ukuba bafunde incwadi zabo. Amanda ongumntu omtsha we ANC okhe wa hoster itonament phantsi kwenjongo zokubasusa abantwana kwiziyobisi kwakunye nakutywala.

Abazali, otitshala kwakunye nabantwana bakuvuyele ukuxhaswa ngu Comrade Mendu we ANC. Banqwenele ukuba lomsebenzi  awenzileyo angawuyeki  kuba  kubo bakho abo  bajongene nemiceli mngeni yokungaphangeli. Eliphulo lingancedisana nezikolo ukuba lingenziwa kroqo utshilo umfundi uAsipe Kona ofumene izihlangu zesikolo.