CommunityEntertainmentLocalNews

‘Sithi Huntshu kuBethusile

08 ISilimela 2023 – Yonela Mpaka

Ngcobo

UBethusile Mcinga noyimvumi esandukuphumelela iNdebe (AWARD) kwingoma yayo ethi ‘Ngena Noah ityelele kwisikolo samabanga aphezulu iNyanga iyothetha nabafundi besikolo esi. Indumasi eyenziwe yilemvumi yase Mthatha ishiye wonke umntu ekhuthazekile.

USodolophu womasipala wase Ngcobo uCllr Siyabulela Zangqa uye waqinisekisa ukuba uMcinga uyanyathela kwisikolo esi ukubhiyozela indebe le. Bakhuthazeke kakhulu abafundi besikolo sase Nyanga ukubona imvumi abayaziyo iphethe indebe izoyibonakalisa kwisikolo sabo. OkaBethusile Mcinga ebengaqali ukunyathela kwisikolo nanjengoko exhaswa kakhulu kwisikolo esi kumculo wakhe. Oyimvumi uMcinga uthi ukubakwisikolo esi kuthetha lukhulu kuye kuye kuba uza ebantwini abaziyo nekudala bemnqwenela ukuba aphumelele.”

Ndiziva ndonwabe kakhulu ndizokubulela nenxaso endiyiphiwe ngumntu wonke kuquka nabafundi aba besisikolo, ndizothi kubo xa ufuna ukuya phambili ufezekise amaphupho akho oko kuyenzeka xa uzimisele, ndizothi kubo bafunde incwadi zabo bahloniphe ititshala zabo, mabayazi yonke into inexesha layo kwizinto abazenzayo bangajongi kakhulu apho basuka khona kodwa bajonge apho baya khona kuba zona ingxaki zikhona zifuna ungabhidiseki uzazi ufunani, ndizobulela nakubantu abakwazileyo ukundiseka de ndalapha ndenza umbulelo ongazenzisiyo,” utshilo uBethusile Mcinga.

Abafundi besikolo iNyanga kuquka netitshala bezingawuvali umlomo yimincili novuyo beyibamba beyibambile le ndebe ka Bethusile. Oyinqununu kwisikolo esi uMnu uButshingi uthi bazive bewongekile kukufumana indwendwe elifana noBethusile elisukogqamisa eliphondo. “Sifuna ukuthi kuye makaqhube abheke phambili siyamxhasa ngayoyonke into sisesisikolo, sonwabile kuba abantwana besisikolo bayamthanda bayamhlonipha kuba ngawo onke amaxesha enyathela kwisikolo esi kuye kubekho umahluko, Sithi huntshu kuBethusile,” utshilo uMnu Butshingi oyinqununu kwisikolo iNyanga. Abafundi besikolo bacule ingoma ka Bethusile bevuyisana naye.