Bazakubanawo umbane ngoku eNgcobo
Yonela Mpaka | EZadungeni
Abahlali belali yase Zadungeni eNgcobo kwakunye nelali ezingqongileyo bebethe nqwadalala besamnkela abantu abatyunjwe ngumasipala nabazakuthi bafakele umbane. Indawo yakwa Ward 8 11 kwakunye no 12 bazakuthi babenawo umbane emva kwexesha elide abahlali bezilali bebasa phantsi.Lwehle kancinci uxinzelelo ebelukhona ngethuba bebengenalo kwa ithemba lokuba bakuze bakhanyise abahlali bezindawo.
Abantwana besikolo nabo bebesele beqhelile ukuhlala ngaphandle kombane ingakumbi xa kufuneka benze umsebenzi wesikolo matshona kwamalanga. Iproject le ezakuthi yenze umbane ibambisene no Eskom kwakunye nomasipala. Isikhokhelo kulendawo,Inkosi yelali kwakunye nabahlali baqhwabe izandla benqwenelela ukuba iproject leyombane ingakhe iveze namathuba emisebenzi kuba ulutsha lwendawo le luninzi olungaphangeliyo. Kulindeleke abahlali babe bayalayita kwakwinyanga ezizayo. Uthetha thethwano olwenziwe ngu Eskom kwakunye nabahlali ubacele abahlali ukuba bayeke ukutsweba umbane, baphume ukuvumela abantu banyuke kwipali kuba oko kuyingozi.
Ongu Ceba wendawo uSivuyile Platyi ubathembisile abahlali ukuba le iproject ayikumana isima iyakuqhuba de wonke imntu aphume kubugxwayiba bongalayiti, esithi amakhandlela iyakube ilibali kwinyanga ezizayo ezintlanu,ukhuthaze uluntu ukuba lusebenzisane ukuze le project ingaqhwaleli. Umasipala wase Dr AB Xuma uthe gqolo ukuqinisekisa ukuba iproject ezazifunwe ngabantu ngethuba kuhlala intlanganiso ze Idp ziyaqhuba.


