Crime & SafetyLocalNews

Bathethe bophela emapoliseni eNgcobo 

Edition: 26 March 2026 – 15 April 2026

Intatheli: Yonela Mpaka | Ngcobo

Amasebe karhulumente nalawo angekho phantsi kuka rhulumente ebeyinxalenye yeMbizo ibikhwetywe licandelo lesipolisa kwiholo lase Masonwabe eNgcobo. Abahlali bebegcwalise iholo befuna ukuzivela ukuba bangaphoncuka njani kulwaphulo mthetho olugqubayo. Ukusetyenziswa kweziyobisi, ukuthengiswa kwazo,ukubulawa kwabantu kwa namaxhoba odlwengulo zezona zibalwe phambili ngethuba kunikwa ingxelo ngobume beNgcobo.

UCaptain Yolisa Mgolodela wamapolisa ase Chris Hani ebeyinxalenye yalembizo naqononondise kuluntu ukuba malungathuli kusonakala wonke umntu makabenoxanduva lokulwa ulwaphulomthetho. “Siziqaphele izikhalo zoluntu bazibekile zacaca kuba sifuna ukutsho kubo ukuba mababunike ubungqina obupheleleyo bangoyiki kuba yeyonanto inceda kakhulu,“ utshilo uCaptain Mgolodela wamapolisa ase Komani.

Indawo yase Masonwabe yileyo ibineziganeko nezibangele kubekho umthandazo kwinyanga ezimbini esizishiya ngasemva. Abahali bafumene ithuba lokuzibuzela imibuzo kwabo basemagunyeni. Okuphambili nokubekwe ngabahlali kukuba bacela ukhuseleko kumapolisa kuba izinto abazixelayo azihambeli ndawo. Amatyala aphelela esithubeni kodwa okubakhathaza kakhulu kukubona abo bophula umthetho bengaphandle bephinda ukuzohlala nabo kwakhona. Izikhalo zabo uzithathile uCaptain Mgolodela wamapolisa ase Komani. Umasipala wase Dr AB Xuma ubongoze uluntu ukuba lungahlali nabo baqhubayo ukuthengisa iziyobisi.