LocalNewsSports

Iqela laseGcuwa iFC Tshabalala igxeleshe uqhuba kakuhle kwi Amathole Hollywood Bets

18 kweyoMnga 2024 – 15 eyoMqungu 2025

Anele Raziya

Umqeqeshi weFC Tshabalala yaseGcuwa, uSimpiwe Siyongwana unethemba lokuba iqela lakhe lizakuphucula umngangatho walo kwisizini ka2024/2025.

Kulandela emva kokuba iFC Tshabalala igqibe ikwindawo yesine kwisizini ephelileyo ngamanqaku angamashumi amabini ananye (21 points) kwimidlalo elishumi elinesine eyidlalileyo kwinqanaba elizibizwa Amathole Hollywoodbets Regional league Stream E.

IYunivesithi iWalter Sisulu kwiKhampasi yaseBika eGcuwa ibeyiyo egqibe ihleli kwindawo yokuqala ngamanqaku angamashumi amathathu anesixhenxe (37 points) kwimidlalo elishumi elinesine kweli nqanaba le regional league.

Ilandelwa yiNgqamakwe City FC kwindawo yesibini ngamanqaku angamashumi amabini anesine (24 points).

USiyongwana encokola neliphephandaba uthe, nangona begqibe isizini behlile kwindawo yesine kodwa ucinga ukuba bebenalo ithuba lokufinca imidlalo yabo kwiHollywoodbets regional league behleli ngasentla kunale ndawo bagqibe kuyo.

“Kule sizini siphuma kuyo besisebenzisa abadlali abancinci ngeeminyaka kwaye bebafutshane ngesithomo ntoleyo ibinako ukusenzela umthwalo onzima xa sidlala neqela elinabadlali abade,” kutsho uSiyongwana.

Uthe eminye yemidlalo abaphulukene nayo kuleyo mine babethwe kuyo, baye bathwaxa yinto yokuba abadlali babo bebefutshane kunzima ukuba bakhusele unozinti neepali zabo kwibhola eziphezulu.

Kule sizini ivulwe kwinyanga ephelileyo uthe bazamile ukuzilungisa iziphene ebebenazo kwiqela labo kangangokuba unethamba lokuba bazakulwela ukufumana intshinga ye Hollywoodbets Regional league Stream E.

“Bakhona abadlali esibafumeneyo ukuqinisa iqela lethu kwaye bade ngokwesithomo ntoleyo endicinga ukuba iza kusincedisa kule sizini,” uqhube watsho.

Uthe ucinga ukuba iqela lakhe lisaqhuba kakuhle ngokwezicwagciso ebabenazo ngaphambi kokuba banyuselwe kweli nqanaba kwisizini ka2023/2024.

Isicwagciso sabo yayisesokuba balwele ukutyiwa lizembe kwisizini yabo yokuqala kwiRegional league emva koko balwele intshinga yeli nqanaba kwisizini elandelayo, yonke lonto iyenzeka ngokwezicwagciso zabo.

Kwinyanga ephelileyo uninzi lwamaqela kwiRegional league ayidlalile imidlalo yomjikelo wokuqala kodwa yona iFC Tshabalala ikunye neNdabankulu SSS FC khange zidlale.

Kwaye kulindeleke ziqale ukudlala imidlalo yazo yokuvula isizini kwinyanga ezayo ngomhla weshumi elinesibhozo apho iFC Tshabalala iza kudlala neNgqamakhwe United FC ze iNdabankulu SSS yaseNdabakazi idlale nePhase 5 United FC.

Lonto ithethe ukuthi isizini isavile kweli nqanaba le regional league kude ibeyinyanga ezayo ngelilungiselela abadlali ukuba bonwabele iholide zika disemba.