CommunityLocalNews

ISebe lokuHlaliswa koLuntu kunye nomasipala baphucula ubomi babahlali eGcuwa

11May 2023 – Anele Raziya

EGCUWA

Impilo kaMzuvukile Nginda oneminyaka engamashumi amane anesixhenxe (47) waseGcuwa kwilali yaseMzazi, ayinokuphinda ifane kunakuqala.

Kulandela emva kokuba uNginda enikwe indlu entsha kraca liSebe elijongene nokuHlaliswa koLuntu eMpuma Koloni libambisene nomasipala waseMnquma eGcuwa kwiveki ephelileyo.

Le ndoda ineminyaka engamashumi amane anesixhenxe ibifudula ifihla intloko kwityotyombe elibotyokileyo kwaye ingenalo nethemba lokuba iyakuze ibenayo indlu njengoko ingasebenzi.

UCeba wakwaWadi 9 eMnquma, uMzimasi Kabane wathi wakubona imeko kaNginda wadibana nomasipala baze bacela iSebe lokuHlaliswa koLuntu ephondweni ukuba lingenelele.

Ngenene, iSebe liye lokhela oka Nginda indlu entle, enamagumbi amabini ukuze aphume kweli tyotyombe ebefudula elala kulo njengoko belingakhuselekanga nakwimpilo yakhe.

Ethetha neliphepha, uNginda uthe “Ndibulela kakhulu kurhulumente kuba undincedile ngale ndlu kwaye intle nangaphakathi”.

Uqhube wathi ukokhelwa kwakhe indlu lonto ibuyisela isidima sakhe kwaye ngoku uzakutsho ayeke nokugondola xa kusebusika.

Ngokwengxelo kuyavakala ukuba yimnyaka engaphaya kwemihlanu oka Nginda ebelala kwelityotyombe belibonakala lingawa nanini njengoko belihleli likekele.

USodolophu waseMnquma, uTunyiswa Manxila-Nkamisa uthe ixanduva lika masipala lelokuba uncedise apho ubona kufuneka uncedo khona kwaye uye wabulela uceba weWadi, ibhunga lomasipala nabasebenzi abaqinisekisileyo ukuba bayasebenzisana ukuze kuncedwe uNginda.

UManxila-Nkamisa uthe bengumasipala bachumancile kutshintsha impilo kaNginda nokubuyisela isidima sakhe ukuze afane nabanye abantu ekuhlaleni.

Uvalelise ngelithi bengumasipala bazakuthi gqolo usebenza bebambisene namanye amasebe uqinisekisa ukuba iinkonzo ziyafikelela kuluntu.

Isebe lokuHlaliswa koLuntu libulele intsebenziswano phakathi kwalo nomasipala kwaye lathi lizoqhubeka linceda ngeenkqubo zalo zokunceda abantu abafana noNginda.

Umsitho wokunikwa kuka Nginda indlu yakhe entsha kraca, ubuzinyaswe ngooceba namagosa ebephuma kwisebe lokuHlaliswa koLuntu nabahlali.