USASSA UZAMA UKUFIKELA KWIINDAWO ZONKE
Edition: 30 April 2026 – 13 May 2026 Intatheli: Monwabisi Khininda | Mpuma Kapa
USASSA oyiarhente ekhupha izibonelelo zoluntu kwiphondo leMpuma Kapa ibambisene nesebe lezoPhuhliso lwezeNtlalo idlulise ngooracza beenqwelomafutha ezingamashumi amne anesibhozo (48) kunye namacwecwe ekhompyutha eziphathwayo ezingama-962.
Olunikezelo luqhutywe kuNdlunkulu kaSASSA kwisixeko sakuGompo kwiveki ephelileyo. Ethetha ngexesha lonikezelo iNgqonyela yakwa-SASSA uBandile Maqethuka ugxininise ukuba olunikezelo lelokuphucula izinga lokusebenza kukarhulumente kwakunye nokusondeza iinkonzo eluntwini.
Ukanti uMphathiswa wesebe lePhuhliso lweZentlalo ephondweni uBukiwe Fanta uyothulele umnqwazi le arhente esithi ezinqwelo-mafutha ziinyawo zabasebenzi ukuba base iinonzo eluntwini ngokungxamisekileyo.


