UGade kumbhali waseXhorha
25 May 2023 – Anele Raziya
EXhorha
UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade neSebe lakhe bazimisele ukwenza ngako konke abanako ukuxhasa ababhali beencwadi abasakhulayo.
Kulandela emva kokuba uMasiza Mazizi oyinzalelwane yaseXhorha eMbhashe ephehlelele incwadi yakhe yeemibongo kwisikolo samabanga aphakamileyo iJS Skenjana eDutywa ngoLwesihlanu.
UGade, usekela somlomo kwiNdlu yowisoMthetho eBhisho, uMlibo Qoboshiyane, umsunguli wenkampani eshicilela incwadi, iAmava heritage publishing, uThemba Ngada, ootitshala bezikolo ezahlukeneyo nabantwana besikolo iJS Skenjana bebeyinxalenye yomsitho wokuphehlelela kwale ncwadi yeemibongo ebhalwe “Kudidiyelwe Sondelani” ngaphandle.
Ukubhalwa kwale ncwadi yeemibongo kuye kwachulumancisa uGade nokaQoboshiyane nalapho baye baqhwabela izandla uMazizi bencoma, besithi kuhle ukubona ukuba kusekhona abantu abasakonwabelayo ukubhala ngolwimi lweenkobe.
UGade uthe belisebe lezemfundo bachulumancile ngumsebenzi kaMazizi kwaye banethemba ukuba lencwadi yeemibongo izakuyifumana inkxaso eyidingayo.
Ethetha kulo msitho uMazizi uthe bekunzima ukubhala lencwadi njengoko ebengenayo inkxaso ekuqale kwakhe ukubhala iimibongo, kodwa kuthe xa kuhamba ixesha wafumana inkxaso kwisebe lezobuGcisa neNkcubeko ephondweni, watsho wakwazi ukushicilela incwadi yakhe yokuqala equlathe imibongo engaphayana kwamashumi amane.
Uthe lonto iye yavuyisa ukufumane kwakhe inkxaso kwaye uyabulela kurhulumente wephondo.
Uqhube wathi unethemba lokuba ngenye imini lencwadi izakufundwa ngabantwana ezikolweni njengoko esathetha nesebe lezemfundo malunga noko.
UGade uye wabinza ngeekhompyutha eziphathaywo (note pad) ezingamashumi amabini kuMazizi ngelithi uyamkhuthaza ukuba aqhubele phambili ngomsebenzi wakhe.
Uthe unethemba lokuba urhulumente uzakusinika ingqwalasela isicelo sakhe sokuba incwadi yakhe ifakwe phakathi kweencwadi ezifundiswayo kwizikolo zeli.
UQoboshiyane obesisenye sezithethi kulo msitho, uthe kubalulekile ukuba ulwimi lwenkobe lulodolozwe kwaye ababhali bafumane inkxaso ukuze bagcine ibhali yeli nenkcubeko ngokubhala ezi ncwadi.
Uthe urhulumente wonwabile ubona inzalelwane yaseXhorha iphuhlisa isakhono sayo kwicandelo lokubhala imibongo.
UNgada wenkampani yoshicelelo lweencwadi ukhuthaze ababhali ukuba baqhubele phambili ngokubhala incwadi kwaye babhale neencwadi ezilungiselelwe ukuba zifundwe ngabantwana.
Uthe funeka kubhalwe neencwadi ezibalisayo ngendlela ebabephila ngayo abantu abantsundu ngaphambi kokuba kufuneka izinto zempucuko.


