Amanina axhalabile ziziganeko zolwaphulo mthetho.
27 August 2026 | Anele Raziya | Centane
Kukhangeleka ingathi azipheli izinto ezixhalabisayo kwindawo eziseMnquma ingakumbi kwilali zakhona.
Kwinyanga ezidlulileyo urhulumente wephondo esebenzisana nomasipala waseMnquma, bebexakekileyo betyelela izikolo neelali ezahlukeneyo kuCentane ngenzame zokhangela isisombululo kwimilo yamakhwenkwe endlangileyo.
Ingxelo ethiwe thaca, ibonisa ukuba imilo yamakhwenkwe axabelanayo ngeezikhali ezifana namazembe neezinye, ibichaphazela nabantwana ezikolweni.
Le ngxaki iye yanyanzelisa urhulumente wephondo, umasipala wesithili iAmathole nomasipala waseMnquma ukuba bangenelele ukunqanda lento imbi kangaka yokulwa kwamakhwenkwe welali ezahlukeneyo.
Ebutsheni bale nyanga yamanina, umasipala waseMnquma ukhe wabamba umsitho wokuqaphela inyanga yamanina kwilali yaseMnyameni kuCentane, wadi 32 apho kuye kwavela omnye umceli mngeni oxhalabisayo kuluntu.
Ngexesha kuqhuba umsitho amasebe awohlukeneyo karhulumente aye anikwa iqonga ukuba aphawule ngale nyanga yamanina nangezinto ekumele zilungisiwe ukugcina amanina ekhuselekile ngalo lonke ixesha.
Amapolisa abelisebe lika rhulumente elinike ingxelo exhalabisayo kwaye lonto ishiye abahlali benexhala.
Ingxelo yamapolisa indadalazise ukuba ziyanda iziganeko zokudlwengulwa kwamanina kwindawo yaseMnyameni kwaye nempatho gadalala indlangile ngakumanina.
Ibingabahlali abangaphaya kwamakhulu amabini (200) ebebezimase umsitho wamanina nabaye beshiyeka besothukile yile ngxelo yamapolisa.
Inkonzo yesipolisa iye yakhuthaza abahlali ukuba basebenzisane namapolisa ukulwa zonke ezingxaki zijongene namanina kwindawo yakuCentane.
Usodolophu waseMnquma, uTunyiswa Manxila-Nkamisa obesenza intetho ephambili kumsitho, uye wakhuthaza inkqubo kamakulingwane (equality) phakathi kwamanina namadoda.
UManxila-Nkamisa uye waqhuba wakhuthaza ukuba amanina ukuba asebenze nzima ukuze angene kwizinkundla eziphezulu zolawulo.
Uye wahlaba ukhwelo kulutsha nabahlali ukuba basebenzise ilungelo labo lokuvota xa kufika imini yolonyulo ngomhla wesine ngoNovemba.
Umasipala uye wakhuthaza nabahlali ukuba basebenzisane namapolisa ukuchaza zonke iziganeko zempatho gadalala ngakumanina.


