CommunityLocalNews

Iintsapho zaseKhayelitsha zifuna kususwe uphahla lweasbestos

08 ISilimela 2023 – Vincent Lali – Kapa

EKapa

Iprojekthi yokulungisa izindlu yamiswa ngexesha le-Covid

  • Iintsapho ezihlala kwizindlu ezindala ezinophahla lweasbestos eMakhaza, eKhayelitsha, zicele iSebe lokuHlaliswa koLuntu kuzwelonke ukuba lizilungise.
  • Iprojekthi yokulungisa izindlu yaphazanyiswa ngubhubhani we-Covid.
  • Ezinye zeentsapho zenze umngcelele ukuya ePalamente kwinyanga ephelileyo.
  • Badityaniswe nabanye abaqhankqalazi baseMakhaza ababefuna iimpepha zezindlu abafudukela kuzo ngeminyaka yoo-1990.
  • Isebe lezindlu ephondweni lithi lizakunxulumana nesebe likaZwelonke ukuze kuqaliswe ukulungiswa kwezindlu.

Iintsapho ezihlala kwizindlu ezakhiwa ngeminyaka yoo-1990 zinyanzelise ukuba isebe lokuhlaliswa koluntu kuzwelonke lisuse uphahla lweasbestos ukuze kufakwe elinye endaweni yalo.

Kwinyanga ephelileyo malunga nekhulu elinamashumi amahlanu abahlali baseMakhaza, eKhayelitsha, babambe umngcelele besiya ePalamente benyanzelisa ukuba iSebe lokuHlaliswa koLuntu kuzwelonke libanike iitayitile ze liphinde lisungule iprojekthi yokutshintsha uphahla oludala lweasbestos bafake izinki okanye iithayile.

Baphakamise iiplacards ezibhalwe: “Sifuna iitayitile zethu” kwanothi “I-Asbestos kufuneka itshintshwe” njengoko babecula iingoma zomzabalazo ngaphandle kwePalamente.

Abanye babahlali bahlala kwizindlu ezingabhaliswanga ngamagama abo ngaphezulu kweminyaka engamashumi amathathu. Abanye, njengenkokeli yabahlali uNolitha Nyoka, bafudukela kwizindlu ezingenabantu ezazilungiselelwe abantu abagxothwayo kwiMandela Park ngeminyaka yoo-1990. Zithe xa ezinye zeentsapho ezazenzelwe ezi zindlu zakhabayo ezi zindlu, ezo zakhiwo zakhawuleza zahlaliswa ngabantu ababehlala ngasemva eMakhaza, bencediswa ngooceba beewadi ngelo xesha.

“Ezi zindlu zisabhaliswa kumagama abahlali abazikhabileyo. Asizange sizifumane iitayitile,” utshilo uNyoka. Uthe iinzame zokufumana itayitile ayiphumelelanga.

Kodwa ngoku abanye babo bazikhabayo ezi zindlu bayabuya bazokufuna izindlu kuba abakhange bafumane zindlu kwenye indawo kuba ingxelo ibonisa ukuba sele benazo izindlu.

Ngomhla wesihlanu kuTshazimpuzi uNyoka wafumana umyalelo wokukhutshwa kumnini wendlu obhalisiweyo, utshilo.

UNyoka uthe: “Andikwazi ukuphuma kule ndlu ngoku kuba ndineminyaka engama-21 ndihlala kuyo. Ndakhulisela abantwana bam kuloo ndlu, ndayilungisa ndaza ndayandisa ndaza ndayibiyela neyadi.” Ukulungisa nokwandisa indlu kunye nokubiyela iyadi kumbize malunga ne-R100,000, utshilo.

UMuneera Allie, isithethi sesebe leziseko zophuhliso eNtshona Koloni, uthe isebe kunye nesiXeko saseKapa “bazakuqhagamshelana nesebe lokuhlaliswa koluntu kuzwelonke malunga nokutshintshwa komgaqo-nkqubo” ukuze kulungiswe ingxaki yetayitile.

“Umngeni ongundoqo ngowokuba ezi propati zaye zatshintshelwa ekuqaleni koo-1990 kwaye zifuna imvume yabo banetayitile ebhalisiweyo ukuze kudluliselwe kwabo bahlala ngoku,” utshilo.

U-Allie uthe, “Xa ingekho loo mvume, lo mbandela ufuna ukuba iNkundla iluvume ukhutshelo, okanye uhlengahlengiso olunokwenzeka kuMthetho weZindlu.”

IAsbestos

Lo gama iintsapho ezininzi eMakhaza zihlala kwizindlu ezifulelwe ngeasbestos ezonakeleyo nezindala, utshilo uceba wakwaWadi 95 uLucky Mbiza (ANC).

Urhulumente waye wasungula iprojekthi yokutshintsha i-asbestos ngeethayile kunye ne-zinc sheeting ngo-2018, kodwa yayeka ngenxa yemimiselo ye-Covid ngo-2020. “Sifuna urhulumente abuyisele le projekthi,” watsho.

USiyabulela Phezi uthe indlu awafudukela kuyo nenkosikazi yakhe ngo-1992 ifuna ukulungiswa. Uphahla lweasbestos lonakele kwaye imvula ifika imanzisa ifanitshala yakhe, utshilo. “Ndifuna urhulumente atshintshe ii-asbestos ezindala afake izinki kuba andinayo imali yokuthenga izinto zokufulela indlu yam kwakhona,” utshilo odla umhlala-phantsi.

U-Allie uthe isebe lephondo “alinayo iprojekthi ethile yokususa iasbestos eMakhaza”.

Eli sebe lazisa iKuyasa Housing Retrofit Project ngo-2018 ukulungisa izindlu eziyi-2,373. “Ulungiso lubandakanya ukutshintshwa kophahla lwezinki ezonakeleyo, ukufakwa kweesilingi, iingcango neefestile, kunye nokufakelwa kombane,” utshilo.

Zingaphezulu kwama-430 iiyunithi ezithe zalungiswa kwisigaba sokuqala seprojekthi kodwa emva koko iprojekthi iye yamiswa, utshilo, njengoko uhlahlo lwabiwo-mali lwabelwa ngokutsha ngenxa yobhubhani we-Covid-19.

Emva koko, “iSebe liphinde lalubeka phambili ulwabiwo-mali lwalo ekuboneleleni ngeenkonzo ezisisiseko nokuphuculwa kwamatyotyombe,” utshilo.

Uthe isebe lizakuphonononga lo mba “ngokufumaneka kwenkxaso-mali ekhoyo ngoku” kwaye “kuza kufuneka lithethathethane neSebe leSizwe lokuHlaliswa koLuntu.”

Imibuzo ebithunyelwe kuNozipho Zulu oyintloko yezonxibelelwano kwisebe lokuhlaliswa koluntu kuzwelonke ibingekaphendulwa ngethuba lopapasho.