Uncategorized

Uphuhlisa imidlalo ekuhlaleni 

Intatheli: Anele Raziya

Owayesakuba nguMphathiswa wezeMidlalo noyinzalelwane yakuCentane, uZizi Kodwa ukhuthaze oosomashishini, uluntu norhulumente ukuba bathi gqolo ukuxhasa ezemidlalo ekuhlaleni. 

UKodwa, ukutsho oku ngexesha ebezimase itumente yebhola ekhatyaywa ebiququzelelwa yi Ulwazi Foundation ekhokhelwa nguLuxolo “Lux” September osebenzela umbutho webhola iCAF. 

Itumente ibibanjelwe kwibala lebhola leYunivesithi Walter Sisulu eGcuwa kutshanje. 

Ibizizikolo ezisibhozo ebezikhuphisana kwitumente kaSeptember ebizwa uLwazi Schools Super 8 Festival kwaye injongo kuphuhlisa abadlali abasakhulayo eMbhashe, Mnquma, Ntsika Yethu nakwezinye ingingqi ezingqongileyo. 

Oka Kodwa ebephakathi kwezinye izitatanyiswa ebeziyinxalenye yemidlalo yeSchools Super 8 Festival ubonisa inkxaso kumhlobo wakhe September oyinzalelwane yaseNgqamakhwe. 

Ethetha ngale tumente uthe “itumente ezifana nalena yenziwa nguSeptember zibalulekile kwicala lokuphuhlisa abantwana besakhula kwaye kubalulekile ukuba sizinike inkxaso kangangoko,”. 

Uqhube wathi urhulumente usoloko ewaxhasa amaphulo afana nemidlalo ejolise ukupuhlisa ulutsha kodwa nangona kunjalo imali iye ingoneli ngamanye amaxesha. 

Kulapho athi kubalulekile ukuba noosomashishini noluntu kufuneka luncedisane nabantu abafana noSeptember. 

Uvalelise ngelithi unethemba lokuba kwiminyaka ezayo itumente ye schools super 8 festival iyakuthi ivelise abadlali abakwizinga eliphezulu abazakuthi badlalele amaqela ahlawulayo kunye neqela lesizwe, iBafana Bafana. 

Usihlalo weSAFA kwingingqi yeAmathole, uMbongeni Matanga obeyinxalenye yemidlalo naye uphawule ngomsebenzi kaSeptember wokuphuhlisa ulutsha. 

“Ndingatsho ndithi siyibulela kakhulu indima edlalwa ngoka September kwicala lokuphuhlisa imidlalo eMnquma kwakunye nakwindawo ezisingqongileyo,” kutsho Matanga. 

Uqhube wathi itumente kaSeptember ilulutho kakhulu ezikolweni kwaye ivuselela imidlalo nangakumbi kwaye bengumbutho webhola bayayixhasa ukuba iqbubeleke phambili isenza umsebenzi omhle. 

Itumente lena iye yaphunyelelwa sisikolo iXolilizwe Senior Secondary school yakuGatyane ibetha iMacibe Senior Secondary school yakuCentane kumdlalo wamanqam.