‘Zintle kakhulu iziphumo sonwabile
16 EyoMqungu 2025 – 29 EyoMqungu 2025
Yonela Mpaka
Isebe lezeMfundo phantsi komasipala iChris Hani lithe labhiyozela iziphumo zabafundi bebanga leshumi nabathe beza no 83 pesenti. Le mibhiyozo iqale kwidolophu yase Cofimvaba ukuzoma eNgcobo imoto zingumngcelele. Ukufumana ipesenti ekumila kunje ibavuyise kakhulu abo bakwisebe kuquka nabo bancedisana nemfundo ukuba iye phambili.Isikolo sase Phakamani Manzana Clackburry ne Nyanga ziphume emagqabini kuquka ezikummandla wase Cofimvaba neTsomo.Ititshala zezikolo zase Ngcobo zithe zafumana o 100 pesenti kwizifundo ezifana nezezibalo nelwimi zbini.
Imincili kubafundi abaphumeleleyo ibeke wonke umntu ekubeni imfundo ihlonitshw. Ongumfundi u Linamandla Ndolela nobefunda kwisikolo sase Ngcobo Village uthi khange kubelila tu ngethuba bezama ukuphumelela, uthi ebekhona amaxesha apho bebefundisana bebodwa lokhona kwa nexesha lokuba bangalali kuse behleli kuba befuna ukuphucula umgangatho wenfundo.
“Zintle kakhulu iziphumo zethu sonwabile kuba besingaphumli, sinqwenela ukuba sithathwe kumaziko aphezulu ukuze siqhubeke nemfundo yethu,” utshilo uNdolela nobengumfundi e Village. Izikolo ezihlala ziyinika imbali aziyekanga ezo zifana NoMangelengele ezithe zabuya no 98 pesenti. Osuka kumasipala nongusSomlomo uMandilakhe Kondile uvuyisene nabo baphumeleleyo esithi bayofunda bagqwese apho baya khona, abo bangaphumelelanga uthi bangayeki kuba akulahlwa mbeleko ngakufelwa. Abesebe lezeMfundo bebengawuvali umlomo oko iyimincili namayeyeye endleleni.


