AgricultureBusinessLocalNews

Amafama aphiwe ishedi yokuchebela iigusha 

Intatheli: Anele Raziya

Amafama welali yaseNgonyama eMbhashe, afumene inyhweba kule nyanga yamafa namagugu esizwe emva kokuba ephiwe ishedi yokuchebela igusha ineezixhobo zokusebenza ngaphakathi. 

Konke oku kwenzeke kwiveki ephelileyo ngexesha uMphathiswa weSebe lezoLimo, uNonceba Kontsiwe etyelele kwindawo yaseNgonyama ekunye nosodolophu waseMbhashe. 

Sisakhiwo esiyishedi esixabisa isigidi (1.4 million) esithe sakhiwa ngurhulument ulungiselela amafama waseNgonyama kwaye ngaphakathi kuso sinezixhobo zokucheba ezikwizinga eliphezulu. 

Ongusihlalo wamafama kula ngingqi, uMthuthuzeli Vayisi uthe kwakhelwa kwabo ishedi kuzotshintsha impilo zabo kwicala lokuvelisa uboya. 

“Sonwabile yile shedi siyiphiwe ngurhulument kwaye lento ithetha ukuthi sizokwazi ukuqhubela phambili sivelisa uboya obusemgangathweni,” kutsho uVayisi. 

Uqhube wathi bayazibulela nenkampani ezifana nalena kuthiwa nguOVK nesebenzisana nabo norhulumente kwicala lezolimo kwaye iyabaqeqesha nangendlela yokucheba nokhetha ubuyo. 

UVayisi uthe bayambulela nomasipala waseMbhashe noMphathiswa uKontsiwe nabasebenzisana kakuhle uqinisekisa ukuba ayaxhaswa amafama. 

UKontsiwe uthe kwizixhobo ezikhoyo kule shedi kuquka izixhobo zokucheba iigusha, itafile yokuhlela uboya, umatshini wokuphukamisa ibhale, itanki lamanzi, umatshini wokucinezela uboya kwakunye nezixhobo zokuhlamba uboya. 

Uqhube wathi ishedi kulindeleke ukuba incedise ekuphuhliseni nangakumbi uboya obuveliswa ngamafama kwaye lonto izakwenza uqoqosho lasekuhlaleni liphucuke nangakumbi kuba imali ngeniso ayizo kufana nakuqala. 


Ukwakhiwa kwale shedi eMbhashe kuyinxalenye yephulo lika rhulumente lokuqinisekisa ukuba amafama asebenzela kwindawo ezifanelekiyo kwaye ayadlala indima ephambili kakhulu nakwicala loqoqosho. 

Oka Kontsiwe nobekunye nosodolophu waseMbhashe, uGqirha Samkelo Janda, uye wawakhuthaza amafama waseNgonyama ukuba aqhubeke nokusebnza ngokuzimisela kwaye wathi urhulumente uzakuthi gqolo ewaqeqesha ngendlela zokuphucula imvelisa yawo yoboya.