UMphathiswa uthembisa ngokunqanda ukufa kwabakhwetha
30 EyoMqungu (Jan) 2025 – 12 EyoMbumba (Feb) 2025
Intatheli: Monwabisi Khininda
UMphathiswa woRhulumento ngoBambiswano nemi-Cimbi yeMveli uVelenkosini Hlabisa uzibophelele ekulweni, umkhuba wokutshaba kwabakhwetha, ngokuthi angenelele nganko konke anako. UHlabisa ukuthethe oku ngethuba lendibano neeNkosi ebibanjelwe eMonti kutsha nje.
Udize ukuba eMpuma Kapa kuphela bangaphaya kwe-370 abakhwetha ababhubhileyo ukusuka kunyaka ka-2016.
Kanti kwixesha lolwaluko lwasehlotyeni kunyaka ophelileyo kubhubhe abakhwetha abangama-28.
Ukusuka kumnyaka wama-2016 i-O.R Tambo yiyo enenani elikhulu labakhwetha abafele emabhumeni nge-142 baze abangma-49 banqunyulwa ubudoda.
I-OR Tambo ilandelwa yi-Alfred Nzo neAmathole ngokulandelelana.
Ezona zizathu zokufa kwabakhwetha zichazwa njengokoma kwamanzi emzimbeni,ingqele ekhokhelela kwinyumoniya nokungahoyeki kakuhle kwabakhwetha.
Ingxelo idiza ukuba bali-110 abakhwetha abanqunyulwe ubudoda.
UNkosi Gwazinamba Matanzima onguSihlalo weKomiti ejongene nolwaluko (Provincial Initiation Co-ordination Committee) uthe urhulumente makanikeze ngenkxaso ukuze kunqandwe ukufa kwabakhwetha.
“Enye yezinto sikhuthaza urhulumente ukuba akhuphe inkxaso eyaneleyo abo babandakanyekayo baxhotyiswe nangolwazi.”
Kwelinye icala uNkosi Langa Mavuso onguSekela Sihlalo weNdlu yeeNkosi kuZwelonke ukholelwa ukuba abazali mabathathe uxanduva ngokufa kwabantwana beyokwaluka. “Nabani na ongumzali otyikityele umntwana kwisebe lezeMpilo nakomkhulu makathwaliswe uxanduva ade asiwe nakwinkundla yamatyala xa etyeshela umthetho othintela ukufa kwabakhwetha.
UMphathiswa uHlabisa uthe bajonge ukuba kungabikho namnye umkhwetha otshabayo kwixesha lolwaluko lwasebusika ngentsebenziswano namasebe achaphazelekayo nokufakwa kwenkxazo yezisekelo ezidingekayo.
UHlabisa uqwele ngelithi kwinyanga ezayo uzophinda ahlale phantsi esithebeni seengxoxo nabantwana begazi, kuqwalaselwe ulwaluko lwengcibi zasemakhaya.


