Isizini yolwaluko
08 ISilimela 2023 – Anele Raziya
Gatyane
Usekela mphathiswa kwisebe elijongene neemicimbi yeeNkosi, uZolile Burns-Ncamashe uhlabe ikhwelo kubazali, amakhankatha neengcibi ukuba basebenzisane ngelixesha lolwaluko langoJuni.
Ebethetha kwikoMkhulu lamaXhosa eNqadu kuGatyane apho bekuphehlelelwa khona ngokusesikweni isizini yolwaluko.
Iinkosi ezingaphaya ko150 ebeziphuma eMbhashe naseMnquma, iNdlu yeeNkosi eBhisho, ilungu lasePalamente uNozibele Nyalambisa, iForum ejongene nolwaluko eAmathole, iSouth African Youth Council nombutho ongenanto yokwenza uRight to Care bebeyinxalenye yomsitho.
UBurns-Ncamashe uthe ixesha lolwaluko laphakathi enyakeni libululekile kwaye lifuna wonke ubani adlale indima yakhe ukuqinisekisa ukuba wonke amakhwenkwe aya ephila abuye ephila ehlathini.
Uqhube wathi iinkosi funeka ziqiniseke nangakumbi ngeentsebenziswano yazo nesebe lezempilo ukunqanda ukuba kungabikho ziganeko zokoluswa kwamakhwenkwe angaphantsi kweeminyaka elishumi elinesibhozo.
Kwisizini esando dlula yolwaluko eMbhashe kwaye kwasweleka umkhwetha omnye logama eMnquma abuya ephila wonke amakhwenkwe ehlathini.
Umbutho iRight To Care oncedisayo kakhulu xa ilixesha lolwaluko, uthe ubukele bucala ilitha eziyi5000 zamanzi ukulungiselela abakhwetha.
IRight To Care ithe wonke umkhwetha ehlathini funeka afumane amanzi awoneleyo emzimbeni.
Isebe lezempilo lona livakalise ukuba lizokupha iimoto eziluhlobo lweeBhaki namagosa wesebe azakujikeleza amabhoma ukuqinisekisa ukuba yonke into ihamba kakuhle ehlathini.
IKumkani yamaXhosa, Ahlangene ‘Aah Vulikhaya Sigcawu ubongoze abazali ukuba basenzisane neenkosi namakhankatha kwaye kuhlonitshwe ngelixesha lolwaluko.
USigcawu uthe isiko loluko malihlonitshwe kungabikho abafuna ukwenza imali ngalo ngokuthi boluse abantwana abengekho lungelweni ngokweminyaka.
Uthe abo bophula umthetho ngexesha lolwaluko kufuneka babanjwe bagwetywe.

