CommunityLocalNews

Izikolo zaseNgqushwa zixhotyisiwe

24 August 2024 – Anele Raziya

ENGQUSHWA

Njengokuba kusondele ixesha lokuba abafundi bakaGreyidi 12 bachophele imviwo zabo zokuphela konyaka, umasipala waseNgqushwa, iSebe lezeMfundo, iidyunivesithi ezifana neRhodes, Walter Sisulu, Fort Hare nezinye namaziko ezoqeqesho baye basindleka umsitho wokuxhobisa abafundi ngamakhona abanokuwalandela xa bephumelele ibanga leshumi.

Lo msitho ububanjelwe kwisikolo Intyantyambo Primary School kwindawo yaseCrossroads eNgqushwa kwiveki ephelileyo.

Injongo zalo msitho ibikucebisa abafundi malunga nezifundo ezifumaneka kumaziko wemfundo ephakamileyo kunye neezifundo (subjects) ekumele baziphumelele emagqabini ukuze bazokwazi ukufumana iindawo kwidyunivesthi zeli.

Zizikolo ezilishumi elinesibini zaseNgqushwa ebeziyinxalenye yalo msitho kwaye lonto iye yamchulumancisa iizithethi ebeziyinxalenye yomsitho kuba zifumene ithuba lokuthetha nabafundi abalinani elivisayo.

Isebe ngalinye, neDyunivesithi nganye ibinesithethi sayo ebesiphuma kuyo kwaye bekukho neengcali kwizifundo ezifana nezenzulwazi (science) ezolimo, izibalo nakwezinye zicebisa abantwana ngeezifundo.

Amaxesha amaninzi kwindawo ezisemaphandleni ezifana neNgqushwa iyanqaba imisitho yokuxhotyiswa kwabantwana bakwa Greyidi 12 malunga nendlela ekumele bakhethe ngayo izifundo abazakuzenza eziKholeji nakwiYunivesithi.

Lonto iye ikhokelele ekubeni umntu afunde into ebecinga uyayithanda kanti akayithandi ngamanye amaxesha okanye akhethe elo candelo kuba ebona iitshomi zakhe.

Lo msitho ububanjelwe eNgqushwa ubuze uzokuncebisa kanye kwingxaki ezifana nezo kwaye ukwavula ingqondo abantwana indlela ekumele bacinge ngayo xa bezokhetha izifundo abazakuzenza kumaziko emfundo ephakamileyo.

USodolophu waseNgqushwa uSanga Maneli uvakalise uchulumanco ngalo msitho kwaye unethemba lokuba uyakudlala indima enkulu kwizigqibo zabafundi bakwaGreyidi 12 xa bekhetha izifundo abazakuzenza kunyaka ozayo.

Kwizikolo ebezikhona zamabanga aphakamileyo ((High schools) kuquka INcendolwethu, Sobantu, July, Matomela, Intlanzi Christian School from Debenek, Lingelethu, Emfundweni, St Charles Sojola, Sokuphumelela, Masibonisane, Nathaniel Pamla and Amazizi.

UMphathiswa weMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade usoloko ewakhuthaza amaphulo amile kunje kuba uwachaza njenga vula ingqondo ebantwaneni ukuze benze izigqibo ezifanelekiyo xa bekhetha amacandelo kwizemfundo.