Linyukele kwi-11 inanilabantu abasweleke kudubulo kwaNdelu Tshisanyama.
Intatheli: NguNtsikelelo Jonga | Strand

Ngabantu abangama-21 abathi badutyulwa kwindawo yolonwabo eStrand kwaNdwelu Tshisanyama, kwaza kwasweleka abali-10, abanye bafumana ukonzakala babalekiselwa esibhedlela. Kuvele ukuba ukho omnye kwabo bebesibhedlele oye wasweleka. Oko kwalibeka kwi-11 inani labantu abaswelekileyo.
Ukanti ke uluntu lwaseLwandle, eStrand lusalila emva kwesiganeko esibuhlungu apho kwadutyulwa abantu abangama-21 kwindawo yolonwabo eyaziwa njenge KwaNdelu Tshisanyama.
Kwelayo icala icela uxolo indawo yaKwaNdelu Tshisanyama. Iintsapho zizibhaqe sekufuneka zingcwabe abantwana abali-10 abamaphupha abo angazange afezeke, Intlungu enzima kubazali, nakuluntu lwakwaWadi- 86 no -85 (Lwandle, Nomzamo, Asanda Village).
Imeko yamaxhoba esibhedlele kuchazwe ukuba linyuke layakutsho kwishumi elinanye (11) inani labaswelekileyo emva kokuba omnye obesesibhedlele esweleke. Abahlanu basephantsi kweliso elibukhali loGqirha, abanye abahlanu bakhululwe baya emakhaya, kusasele abathandathu (6) esibhedlele.
Kwicala lomnikazi wendawo yakwaNdelu, inike ingxelo malunga nendlela elisebenza ngayo ishishini labo.
“Thina sithengisa inyama kuphela kwaye ixesha lethu lokurhweba liphela ngentsimbi ye-22:00. Kodwa ngaloo mini abathengi ababebhiyozela usuku lweMveli (Heritage Day) babeze notywala babo kwaze kwahlalwa kuselwa kwade kwasa.”
IKwaNdelu ithi iyayiqonda imibuzo ekhoyo ngesisehlo, kodwa ayifuni ukuqikelela ngezinto ezisaphandwayo. Ixolisile kuluntu yaza yadlulisa amazwi ovelwano kwabo bachaphazelekileyo.
Kwicala lenkonzo yesipolisa (Saps) athib amapolisa kufuneka ephendulile umnikazi wakwaNdelu.
Umkomishinala wamapolisa eNtshona Koloni, uLt. Gen. Sizakhele William Dyantyi, uthi umnikazi kufuneka ephendulile.
“Le nto ayivakali ncam. Indawo yayixakekile ngemini yesiganeko, nto leyo ebonakalisa ukuba bekukho umsitho othile owawubanjwe yile ndawo. Umnini ndawo unoxanduva xa ebona abantu besela utywala endaweni yakhe kwaye imithetho emininzi kaMasipala (by-laws) yatyeshelwa kuquka nemithetho yebhunga lotywala (liquor board).”
Amapolisa acele ukunikwa ithuba aqhube ngophando kwaye akazukunikisa ngeenkcukacha ukukhusela uphando.
Izakheko zoluntu zee Wadi u- 86kunye no-85, iLwandle CPF kunye noCeba kaWadi-86, uCllr Xolani Diniso, ngentsebenziswano neentsapho, zathi zamema uluntu kwinkonzo yesikhumbuzo yokubhiyozela ubomi bamaxhoba nebibanjwe ngomhla we-03 kweyeDwarha nalapho uluntu lwacelwa ukuba luphathe amakhandlela. Inkonzo yesikhumbuzo ebibanjelwe kwiholo loluntu iNomzamo


